ULebese ukhulule Amakhosi efuthanyiselwe!

George Lebese Kaizer Chiefs and Sandile Zuke of Chippa Unted during the Absa Premiership 2016/17 game between Chippa United and Kaizer Chiefs at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 29 November 2016 © Iky Plakonoris/BackpagePix

Igowuli elinye elifakwe nguGeorge Lebese lithathe iKaizer Chiefs layibeka kwindawo entle kwi-Absa Premier Soccer League. Amakhosi abuyise izitya ngokubetha iChippa United ngo’1-0 kumdlalo wePSL obuseMbombela Stadium ngokuhlwa namhlanje. Ziziphumo ezinika umdla ezi ngoba iChiefs yagqibela ukubethwa yiChippa ngo’3-1 kumdlalo owawuseNelson Mandela Bay Stadium ekupheleni kuka’2016. Oyena mdlali othe wanefuthe kulo mdlalo nguWilliam Twala ekungeneni kwakhe kwisigaba sesibini somdlalo. Lishumi elinambini lemidlalo iChiefs ingabethwa kwimidlalo yePSL.

La maqela mabini aye kwixesha lokuphumla kungekho elifake igowuli. Umdlalo uqale kakuhle – kodwa iyiChippa United elawula umdlalo. Amakhwenkwe kaDan Malesela abeyibeka phantsi ibhola kamnandi esebenzisa amaphiko – kodwa side saphela isigaba sokuqala kungekho nto ebhodini. Zehlelwe lilishwa iiChilli Boys ngethuba uBuyani Sali ekhutshelwa ngaphandle ngenxa yokwenzakala. Ngenxa yobumanzi umdlali uye wathanda ukuba rhabaxa macala. Amakhosi awuthathele kuwo umdlalo ekhambeni kwexesha.

UGeorge Maluleka noWillard Katsande bebetyala iibhola kuGustavo Paez noJoseph Molongoane – kodwa abadlali beChippa United bebehleli bethe qwa emva. UPaez uphantse wayonzakalisa iChippa ngebhola ephume ecaleni ebigotywe ekunene sisiququ u-Edmore Chirambadare. Khange kuphelele apho ngoba noMaluleka uke watsala intambula ekude – kodwa ibhola yakhe iphume kancinci ezipalini. Amakhosi bekufanelukuba aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngegowuli elinye okanye amabini ukuba ebengadlalanga ngawo amathuba.

USteve Komphela ukhuphe uChirambadare kwisigaba sesibini waze wafaka uGoerge Lebese. Injongo yakhe uSteve ibikukufaka umntu ozakuthi awenze lula umsebenzi kaPaez oqale umdlalo namhlanje ngenxa yokungabikho kukaBernard Parker. Ifolosi yeChippa, u-Andile Mbenyane, ukhabe ibhola entle engaphaya komhlaba kanozinti – kodwa yahambela phezulu ezipalini. UPaez ukhabe ibhola ebuhlungu, ifike ethe qwa uDaniel Akpeyi.

UTsepo Masilela ukhutshiwe kwaze endaweni yakhe kwafakwa uHendick Ekstein. Kwimizuzu embalwa phambi kokukhutshwa kwakhe uMasilele ebeke wafumana ukonzakala okanye ebethunakele njengomdlali okhathazwa kukonzakala. ULebese ungcangcazelise umnatha ngomzuzu wamashumi asibhozo anesihlanu emva kwebhola ehle noWilliam Twala – ongene endaweni kaMolangoane kwisigaba sesibini. UMalesela ufake uVusumzi Ncube endaweni kaLerato Manzini kwimizuzu yokugqibela.