ULebese uqala ubomi obutsha kwiSuperSport

UGeorge Lebese ukonwabele ukuqala ubomi obutsha kwiSuperSport United emva kokungadlali ixesha elide kwiMamelodi Sundowns umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva kokuqengqeleka kweenyanga, uGeorge Lebese engadlali kwiMamelodi Sundowns, ngoku uqala ubomi obutsha kwiSuperSport United emtyikitye ekupheleni kwenyanga yoMqungu kulo nyaka.

KwiCawe egqithileyo, uLebese udlale okokuqala kule sizini emdlalweni weAbsa Premier Soccer League obuphakathi kweSuperSport United neGolden Arrows, eSugar Ray Xulu Stadium.

ULebese udlale imizuzu engaphezu kwamashumi amabini emva kokungena endaweni ka-Aubrey Modiba kwaye uthi uyakuvuyela ukufumana ithuba lokudlala ibhola kwakhona.

OkaLebese washiya iKaizer Chiefs ekuqaleni kuka2018 ekhala ngokungalifumani kakuhle ithuba lokudlala – kodwa izinto zibe mbi ngakumbi kwiSundowns nakubeni wakhe walifumana ithuba ekuqaleni.

Nangona kuthe qabu kuLebese emva kokudlala kwakhe kwiSuperSport – kodwa kulindeleke abuyele kwiSundowns ekupheleni kwesizini.

“Kuhle ukubuyela ebaleni kwakhona. Yinto leyo endathetha ngayo kwasekuqaleni nomqeqeshi, uKaitano Tembo, kwaye ndizimisele kakhulu ukwenza elam igalelo. Akukho xinizelelo kwaphela kum futhi ndizimisele ukudlala ibhola ngokukhululekileyo apha. Andizimiselanga ukuzihoya ezinye izinto ezithethwayo. Ndonwabile kwiSuperSport, enye nenye iyakuxhomekeka ukuba ndisebenze kanjani apha,” utshilo uLebese kwiSABC.

Emva kokugqwidiza ekuqaleni kwale sizini, iSuperSport United ibuyele phakathi kwamaqela asibhozo aphambili kwiPSL. Ukungaqhubi kwayo kakuhle kuphantse kwawubeka emngciphekweni umsebenzi kaTembo. UMxolisi Macuphu noLebese badlale kakuhle emdlalweni ogqithileyo – kwaye naye uTembo wonwabile.

“UGeorge ebengadlali iinyanga eziliqela. Abanye abadlali baye balahlekelwe kukuzithemba xa bengadlali – kodwa ndicinga ukuba akubanga njalo apha kuye. Kufuneka sibe nomonde. Udlale kakuhle yena noMacuphu,” utshilo uTembo emva komdlalo.