ULechesa

uza kuphuhlisa

ulutsha

IBloemfontein Celtic ichonge uDuncan Lechesa njengomqeqeshi omtsha ozojongana nophuhliso lwabadlali abatsha kweli qela.

Lo kaLechesa ebefudula eqeqesha iqela elidlala kwinqanaba elisenzantsi iRoses United.

Eli qela laseFree State liphantsi kwezandla ezitsha zikaTshabalala, likwiphulo lokuzivelisela abadlali abatsha.

Ethetha emva kokuchongwa kwakhe uLechesa uthe: “Ndonwabe kakhulu yile nyhweba kwaye ndisakhumbula kakuhle indlela endakhuliswa ndaphinda ndafundiswa nangenkcubeko yeBloemfontein Celtic.

Le ndawo ndikuyo ngoku ifana nosapho kum kwaye indikhumbuza ngeentsuku zam zangaphambili. Umsebenzi wam obalulekileyo apha kukuqinisekisa ukuba onke amaqela abadlali abaselula bavelisa abadlali abakumgangatho ophezulu nabazakuthi badlalele iqela elidala. Lo nto ke ifuna ndize namacebo nezicwangciso ezihambelana ngqo nale nto ifunwa yiCeltic. Kuwo onke lo matiletile kufuneka ndisebenze ngokubambisana nomqeqeshi oyintloko uClinton Larson – kwaye ndiyambulela kakhulu uMax Tshabalala,’’ utshilo uLechesa xa ebecacisa kwikhasi lomnatha indima aza kuyidlala.

Yena uClinton Larsen ukuqhwabele izandla ukuchongwa kukaLechesa. “Ndineminyaka eliqela ndimazi uLechesa, umsebenzi wakhe ndiyawazi kakhulu kwaye ndiyamhlonipha kakhulu – ndiqinisekile amaqela ethu amancinane asezandleni ezizizo.

Ndayavuya ke kuba mna nabaphathi beli qela iimbono zethu ngekamva ziyafana,” utshilo uLarsen.