ULehlohonolo Seema ufuna iChippa izijule emidlalweni yokuxabangela (PlayOffs)

ULehlohonolo Seema ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Kwiisizini ezigqithileyo, iChippa United ikwazile ukuliphepha izembe. Ngelishwa layo kule ka-2020/21, ayikwazanga – kodwa nangona kunjalo, ifumene ithuba lesibini lokubuyela kwiDStv Premiership ngokuthi idlale imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) phambi kokuqala kwesizini entsha. Kwiveki ephelileyo, iChippa ayikwazanga ukubetha iSuperSport United emdlalweni wokugqibela ophele ngo’1-1 eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Ukuze iChippa iqinisekise indawo yayo, iChippa bekunyanzelekile iwuphumelele umdlalo wayo wokugqibela obusekhaya. Nangona iqela liphoxekile – kodwa uLehlohonolo Seema uthi kufuneka iqela lakhe lisebenzise kakuhle ithuba lesibini elilifumeneyo.

USeema ubuyele kwiChippa United emva kokugxothwa kukaVladislac Heric. Isizini wayiqala kwiChippa – kodwa wakhonjwa emnyango nguMnu. Siviwe Mpengesi emva kwebathwana lemidlalo emihlanu. Ngoku umthwalo wokuhlangula iChippa United ubekwe emagxeni wakhe. Umbuzo: angakwazi na ukuyihlangula?

Ewe, iChippa inawo amandla okuwongamela amaqela adlala kwiGladAfrica Championship nangona ingumsebenzi ongekhe ubelula. Ethetha emva kokuvala isizini, uSeema uthe: “Into endingayithetha ngomdlalo wethu wokugqibela ndingathi akufani nokuvala isizini ngokubethwa. Ngoku kufuneka lisinguselele imidlalo yokuxabangela. Yimfazwe efuna siyilungiselele kakuhle. Akuvamanga ukufumana ithuba lesibini ebomini.” Emva komdlalo, abadlali beChippa bebenyembezana.

“Njengokuba ubona, abadlali baphoxekile – kodwa ndithe kubo, singalwa siphinde sibuyele kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uSeema, obuyele eGqeberha emva kokugxothwa yiBlack Leopards ethotyiselwe ezantsi. Nangona izinto zingayihambelanga kakuhle iChippa emdlalweni wokugqibela, uSeema ubancomile abadlali ngelithi bebezimisele kakhulu. IChippa ivale isizini yeDStv Premiership ikwindawo yeshumi elinesihlanu. Emidlalweni engamashumi amathathu, ifumene amashumi amabini anesixhenkxe amanqaku, iphumelele kahlanu, idlale ntanganye kwelishumi elinambini yaze yabethwa kwelishumi elinesithathu. Akukacaci ukuba imidlalo iya kuqala nini ngoba iSekhukhune United iye enkundleni kuba isithi kufanele kunyuselwe yona endaweni yeRoyal AM ekwindawo yokuqala.