ULentjies ushiyeke ephoxekile emva kokubethwa kweChippa

UKurt Lentjies ngumqeqeshi obambeleyo weChippa United Football Club. Umfanekiso: Dirk Kotze/BackpagePix

Iqela laseMpuma Koloni liyophisa kwakhona emva kokubethwa emidlalweni emibini ilandelelana. IChippa United ibethwe yiTS Galaxy ngamanqaku amathathu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium ngoLwesibini wale veki. Kanti kwiveki ephelileyo, iChippa ibethelwe ekhaya ngamanqaku amabini kwelinye yiGolden Arrows. Nangona iChippa iqale yabhakuzelisa umnatha eMbombela Stadium ngenqaku elifakwe nguRiaan Hanamub emzuzwini wesihlanu kwisigaba sokuqala somdlalo, iTS Galaxy ibuye ngamandla yayongamela ngamanqaku afakwe nguMthobisi Mngomezulu, uMenzi Ndwandwe noWayde Lekay yatsho yayokuhlala kwindawo yeshumi elinambini. Yona ngoku iChippa ijingelwa lizembe kwindawo yeshumi elinesine. Ukubethwa kweChippa kubuyisela emva umsebenzi omhle owenziwe nguKurt Lentjies ongene endaweni kaGavin Hunt owanqunyanyiswayo emva kokungaphumeleli kweqela ixesha elide.

Kodwa nangona iqela lakhe libethiwe, uLentjies uthe liza kuvuka livuthulule liye phambili. Uyincomile kakhulu indlela abadlale ngayo abadlali bakhe emdlalweni wayizolo elinye nangona bebethiwe. Into ayikhalele kakhulu yindlela usompempe awuphethe ngayo umdlalo. “Yah, silahlekelwe ngamanqaku amathathu emva kokulawula umdlalo ixesha elide. Ewe, iTS Galaxy ikhe yabuya ngamandla kwisigaba sesibini – kodwa ke sithi abayiyekileyo sinawo amandla okuyoyisa. Zange ndayibona ipenela engacacanga njengale usompempe ayinike iTS Galaxy namhlanje. Andifuni ukukhalazela umsebenzi owenziwa ngoosompempe kodwa ndimbonile engathathi sigqibo kusiwiswa uRiaan emhlabeni weTS Galaxy. Andimkhalazeli usompempe, qha ndiyabavela abadlali bethu ngoba badlale kakuhle kakhulu emdlalweni. Siza kuvuthulula siye emdlalweni olandelayo,” utshilo uLentjies. Emdlalweni olandelayo, iChippa United iza kundwendwela AmaZulu angaqhubi kakuhle nawo.