Idlulele kumjikelo olandelayo weCAF Champions League namhlanje i’Orlando Pirates. Oku kwenzeke emva kokuba ivuthulule iDjabal Club d’Iconi ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuse’Orlando Stadium ebusuku namhlanje. Kuba iPirates ibibuye iphumelele ngegowuli elinye kwiveki ephelileyo, impumelelo yayo namhlanje ithetha ukuthi iphumelele ngamagowuli amane eqandeni emva kwemidlalo emibini. Eyona folosi yoyikwayo eMzantsi Afrika, uZakhele Lepasa, iphinde yafaka amagowuli amabini ngaphezulu kwebilifake kwiveki ephelileyo emdlalweni wokuqala obuseComoros. Ewonke amagowuli afakwe nguLepasa asibhozo emidlalweni emithandathu ayidlale kwiPirates kule sizini.
Noxa uJose Riveiro egqibe kwelokuba aqale umdlalo wanamhlanje ngaphandle kwabanye abadlali bakhe aqhele ukuqala ngabo imidlalo – kodwa iqela lakhe likwazile ukwenza umsebenzi oncomekayo nakubeni bekungalindelekanga bunzima kwiDjabal engakwazanga ukuphumelela ekhayeni layo. Emzuzwini wamashumi amathathu, uLepasa ungcangcazelise umnatha yatsho yakhokela iPirates eye kwixesha lokuphumla inegowuli elinye. Ukufumana kwayo igowuli iPirates kwisigaba sokuqala kuyiphungulele umthwalo. Bekucacile ukuba iindwendwe zaseComoros zakutsala nzima kakhulu ukuze zifumane amagowuli amathathu abenokuzinika amandla nethuba lokudlulela phambili kwiChampions League.
UNdabayithethwa Ndlondlo ebesaba izithebe esiswini. Ebethi engapha abe engaphaya. UPatrick Maswanganyi, ofike kwiPirates wenza ezibukwayo kwiBucs, ufake igowuli lakhe lokuqala namhlanje emdlalweni weChampions League. Kuthe xa umdlalo usondela esiphelweni, uLepasa ubhalise igowuli lakhe lesibini waphela umdlalo iPirates inamagowuli amathathu ebaleni layo eSoweto, eGoli. Bekukokwesibini iPirates idibana neDjabal Club yaseComoros. Kwiminyaka eyadlulayo, iPirates isephantsi kukaRoger De Sa, yabetha iqela laseComoros ngemvula yamagowuli alithoba. Njengokuba iPirates iyiqinisekisile indawo yayo kwiChampions League, ngoku ilinde ukudibana neqela eliphumeleleyo phakathi kweJwaneng Galaxy okanye iVipers.
ABafana Bafana bayingombe yanaba iCongo Brazzaville, eGqeberha!