ULetsoaka ungena endaweni kaSolinas

USerame Letsoaka ngumqeqeshi omtsha weFree State Stars. Umfanekiso: BackpagePix

Kwiveki enye, babini abaqeqeshi abaphulukene nemisebenzi yabo kumaqela adlala kwiPSL. Namhlanje uGiovanni Solinas wohlukene neFree State Stars. Le ndedeba yase-Italy ishiya eli qela imka ngetshova ityeli lesibini kwisithuba esingaphantsi konyaka.

Ekupheleni kwesizini yePSL ka’2015/16 wahamba ngenxa yesiphithiphithi sokuthengiswa kwali eli qela – kodwa zithe izinto zakungahambi kakuhle ekuqaleni kwale isizini, iFree State Stars, iye yambuyisela inethemba lokuba uyakuthi akwazi ukuphucula iziphumo zayo. Ngelishwa lakhe, izinto azimhambelanga kakuhle uSolinas, kangangokuba iFree State ihleli kwindawo yokugqibela kwiPSL.

“Sohlukene ngesihle nomqeqeshi emva kokungaboni ngasonye ngokufanele kukwenzeka kweli qela kwisigaba sesibini sale sizini. Simnqwenelela okuhle kodwa umqeqeshi,” utshilo umphathi weqela uRantsi Mokoena.

“Sithatha elithuba lokwazisa ukuchongwa kukaSerame Letsoaka njengomqeqeshi omtsha. Uzakuhlala kwiFree State Stars kude kuphele isizini kwaye sinethemba lokuba uza kulinika impumelelo eyidingayo,” utshilo uMokoena kwiPSL.co.za

ULetsoaka ugaleleka kweli qela emva kokuqeqesha iBloemfontein Celtic ekuqaleni kwale sizini. Walahla ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.