Ulindele nantoni ePerth uRabada

Umdlali ogibiselayo weProteas uKagiso Rabada uthembisa ukutakisa iintlantsi zodwa, kuluhlu lwemidlalo yovavanyo ezayo, phakathi koMzantsi Afrika neAustralia.

I-Australia isazikhotha amanxeba emva kokungonjwa yiProteas kuluhlu lwemidlalo yakutsha nje ebidlalelwa apha eMzantsi Afrika. Izakufuna ukubuyisa isixhiba xa isamkela iProteas ePerth, ukuqala ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo.

“Bonke abadlali bakulungele ukudlala, kodwa i-Australia liqela elidlala kakuhle kakhulu, kwaye akukhonto izakuba lula. Iqakamba yamazwe ngamazwe asiyondlwana iyanetha,” utshilo uRabada.

“ Izakuza ngamandla i-Australia, nathi sizakuzama ukudlala ngokuzimisela. Yanga iqela elinamandla lingaphumelela.”

Abadlali abafana noFaf du Plessis, Quinton de Kock kunye noRabada badlale indima enkulu nebonakalayo kwimidlalo yovavanyo edlalwe ngala mazwe mabini. Kwinyanga ezayo ithemba leProteas lizakube lilele kubo.

USteve Waugh obeyikapteni ye-Australia kwiminyaka edlulileyo uthi abadlali abakhoyo ngoku kwiAustralia khange badlale ngokuzimisela kwaphela. Uthi unethemba lokuba ukubuyela ePerth kuzakubanceda babuyise ingqondo. “ Kufuneka nje sibonakalise ukuzimisela ngakumbi, ingakumbi phakathi ebaleni.

“ Umdlalo wethu ubuphantsi kakhulu xa besidlala neSri-Lanka, kwaye besingenawo amandla adingwa nguSteve Smith nje ngekapteni. Wonke umntu kufuneka athabathe inxaxheba,” utshilo uWaugh kwikhasi lomnatha le-CSA.

UDu Plessis obambele * -AB de Villiers njengekapteni kungenzeka ukuba aphinde axhuzule imikhala nase-Australia. Lo kaDe Villiers uye wakhutshwa kolu luhlu lwemidlalo ngenxa yokuba ebeza kwenziwa utyando engqinibeni.

Mayelana nokungabikho kukaDe Villiers uDu Plessis uphendule wenjenje: “Andiqondi ukuba uzakuphola kwangethuba, usandula ukwenziwa utyando, kwaye nathi asiyilindelanga loo nto. Ukuba ukwazile ukuphila singavuya, kodwa ukuba akakwazanga bakhona abadlali abanokuvala indawo yakhe,” utshilo uDu Plessis.