ULionel Messi uthi amaxhala phantsi akukonakali nto

Lionel Messi of Argentina (R) and Birkir Saevarsson of Iceland in action during the FIFA World Cup 2018 group D preliminary round soccer match between Argentina and Iceland in Moscow, Russia, 16 June 2018. YURI KOCHETKOV / EPA

Ingxoxo ngomdlali ophambi kwibhola yehlabathi, uLionel Messi, emva kokuba engakwazanga
ukunceda ilizwe lakhe izolo, isaqhuba. Ilizwe lase-Argentina kuye kwanyanzeleka ukuba
lamkele inqaku elinye kumdlalo walo wokuqala kwi-2018 FIFA World Cup ebanjelwe
eRussia emva kokudlala ntanganye ngo’1-1 nelizwe elincinane i-Iceland emalanga
izolo eMoscow Stadium. Ukungakwazi kwakhe uMessi ukunceda i-Argentina kudale
intetha kakhulu kumakhasi onxibelelwano kuba uCristiano Ronaldo efake amagowuli
amathathu eyedwa ngethuba iPortugal idlala ntanganye neSpain ebusuku
ngoLwesihlanu eSochi Stadium.

Ilifumene ithuba
lokuphumelela umdlalo i-Argentina ngethuba izuza ipenela kwisigaba sesibini
somdlalo – kodwa ibhola kaMessi iye yabanjwa ngunozinti we-Iceland ogama
linguHannes Thor Halldorsson. Yifolosi ekhathazayo kakhulu, uSergio Aguero,
eqhufuze iqanda emdlalweni kwisigaba sokuqala – kodwa u-Alfred Finnbogasson
ukhawuleze wafaka igowuli lokulinganisa. Nakubeni i-Argentina ingaphumelelanga –
kodwa uMessi uthi abantu mabathobe amaxhali akukonakali nto.

“Bekunzima
kakhulu kuthi ukudlala neqela elihlala emva. Ukuphosa ipenela ibe yinto
ebuhlungu kwaye ndiyixhoma emagxeni wam lo nto. Akukho sizathu sokuxhalaba,
bekufaneluba siphumelele kula mdlalo – kodwa kuyabonakala ukuba kufuneka
siyiphucule indlela esidlala ngayo. Kufuneka sithobe umoya. Siza kuyibetha iCroatia,”
utshilo uMessi emva komdlalo.

ICroatia
ithe ngcu kwindawo yokuqala kuGroup D emva kokuba ibethe iNigeria ngamagowuli
amabini (2-0) kumdlalo obubanjelwe eKaliningrad Stadium izolo ebusuku. UMessi unethemba
lokuba ilizwe lakhe lakuyibetha iCroatia kumdlalo obalulekileyo kakhulu ngoLwesine ebusuku eNizhny
Novgorod Stadium.