ULitha Nkula uthi ukulungele ukudlalela amaqela amakhulu eMzantsi Afrika

ULitha Nkula weWalter Sisulu University ngomnye wabadlali abathe baziqaqambisa kwiVarsity Shield yalo nyaka. Umfanekiso: Varsity Shield

Nangona iqela lakhe libuye lisophisa kwiVarsity Shield, kodwa uLitha Nkula uthi ukulungele ukudlala kwinqanaba eliphezulu lombhoxo eMzantsi Afrika. UNkula, 23, wenze indima obanakalayo emidlalweni yeWalter Sisulu University (WSU) ebethwe yiCape Peninsula University of Technology (CPUT) ngo’30-26 emdlalweni wokugqibela weVarsity Shield. Kwisizini yalo nyaka, iWSU iyiphumelele yomithandathu imidlalo yayo phambi kokudibana neentshatsheli ebezikhusela, iCPUT, emdlalweni wamagqibelakankqoyi.

Emidlalweni esixhenxe, uNkula ugide ngamashumi asibhozo anesithathu amanqaku kwi-All Blacks. Lo nto ibonise ngokucacileyo ukuba uKapteni weWSU ungumdlali wombhoxo osemgangathweni ophezulu futhi ozimiseleyo emsebenzini wakhe. Ekugqibeleni kwetumente, uNkula uchongwe njengoyena mdlali wasemva oqaqambiliyo kwisizini yeVarsity Shield kulo nyaka. “Ndiziva ndichulumance kakhulu liwonga endilifumeneyo,” utshilo uNkula, ethetha neli phephanda.

“Liwonga elikhulu kum ukuvotelwa njengomdlali wasemva oqaqambileyo kwitumente yonke. Nam bendinezinto ebendizifuna njengomdlali kwiVarsity Shield. Kodwa eyona nto ebiphambili kum ibikukusebenzela iqela kangangoko. Umsebenzi endiwenzileyo ubonakele kwindlela endidlale ngayo. Ndiye ndavuzwa ke ngomhla wokugqibela. Abantu abandivoteleyo bayibonile indima endiyenzileyo emidlalweni yethu,” utshilo uNkula.

Ivelisa abadlali bombhoxo abasemgangathweni ophezulu iVarsity Shield, nakule isizini iveze abadlali abaninzi. Phakathi kwabo nguNkula othi ukulungele ukuzigxama kumaqela amakhulu apha eMzantsi Afrika. “Ewe, ndinawo umnqweno wokudlalela iqela elikwinqanaba eliphezulu. Yinto ehleli ikhona engqondweni yam leyo – kodwa kufuneka umntu aqale azibonakalise kwindawo akuyo,” utshilo uNkula.

Ufuna nokuba leliphi iqela elinokumika ithuba ukuze naye alandele ekhondweni labadlali bombhoxo abaziwayo abafana noMakazole Mapimpi, uLukhanyo Am, uSiya Kolisi nabanye abaziintsika emaqeleni amakhulu. “Ndiyakunqwenela ukudlalela iqela elikhulu. Yeyona nto ebangele ndidlale ngendlela endidlale ngayo kwiVarsity Shield. Andifuni kukhetha; into endiyifunayo kukunikwa ithuba lokudlala qha endaweni ebhetele. Ndikulungele ukulisebenzisa ithuba emgangathweni ophezulu xa linokuvela,” utshilo uNkula.