Intetha yamaXhosa enobuciko obunzulu ethi ‘umzingisi akanashwa’ ijike yayinyaniso ilanga lihlabe umhlaba ngoMgqibelo egqithileyo. Oku kwenzeke ngethuba uLiyema Meva ephumelela owona mdyarho wamahashe omkhulu eMpuma Koloni.
Le ndedeba yaseSikhobeni, eBhisho, ibincume okosana emva kokuba ihashe layo, uWeekend Special, libambe indawo yokuqala kwiBerlin November Horse Race yalo nyaka. Noxa iBerlin November ivelise intshatsheli entsha kraca – kodwa umnikazi wehashe isenguLopez Magongo obekuphumelele ihashe lakhe nakwiminyaka emibini edlulileyo.
Khange akwazi ukuzibamba uMeva emva komdyarho ngenxa yemincili. Ngokutsho kwakhe, uthi yiminyaka emine ezama ukubamba indawo ephambili kwiBerlin November eniminyaka elishumi elinanye ngoku ukusukela ngonyaka eyasungulwa ngawo nguMnu. Luthando Bara.
Akaphumelelanga lula uMeva; kuye kwanyanzeleka ukuba azilungiselele kakuhle futhi asebenze ngokuzimisela ukuze ihashe lakhe lifumane ibhaso eliyiR100.000. Ithetha neentatheli emva komdyarho, intshatsheli ibalule umyalelo ewufumene kumnikazi wehashe njengeyona nto eyincedileyo.
“Ndonwabe kakhulu, kudala ndizama ukuba yintshatsheli yeBerlin November. Ekugqibeleni, iphupha lam lizalisekisiwe namhlanje. Yiminyaka emine ndizama ukuphumelela, uThixo uvumile,” utshilo uMeva echwayitile emva komdlalo. Umsebenzi awenze kulo nyaka uLiyema mkhulu kakhulu ngoba kunyaka ophelileyo wayifumene indawo yesixhenxe.
Nokuba ihashe lingabaleka kangakanani – kodwa umntu oliqabeleyo ngoyena owenza umahluko kwindlela eliqhuba ngayo phakathi kwamanye xa ekhuphisana. Okwenzekileyo akothusanga ngoba uLopez Magongo kudala egqugqisa emahashini eMpuma Koloni ngoba unendlela yakhe awaqeqesha ngayo.
Yiyo eyenza umsebenzi weedyokhi zakhe ube khaphukhaphu. “Umyalelo endiwunikwe nguBhuti undincedile. Uye wandixelele ukuba kufuneka ndiliphathe njani ihashe emdyarhweni. Nalo ihashe lam khange lindisokolise tu,” itshilo intshatsheli yeBerlin November ebizinyaswe ziindwendwe eziquka inkokeli yephondo, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane noSekelamongameli, uMnu. uPaul Mashatile.
Umhleli: Emva kokuba abeBerlin November bethe imali iphunyelelwa lihashe, senze isilungiso ebalini ebeliphume ephepheni kwiveki ephelileyo.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!