ULopes udiza akuxelelwe nguRonaldo

Ekugqibeleni! Ilizwe elingathathelwa ntweni ubukhulu becala, iPortugal, libhale imbali entsha eYurophu ngokuthi lithathe itumente yamazwe aseYurophu [Euro2016] emva kokubetha iFrance ngo’1-0 kumdlalo obuseStade de France ebusuku ngeCawe edlulileyo.

Umdlalo ubunzima kakhulu futhi kungekho cala elifuna ukunikezela, kodwa ulawulwa yiFrance, bekufanele iphumelele qha khange iwasebenzise amathuba.

Kuthe imizuzu isengaphantsi kwamashumi amabini kwisigaba sokuqala, iPortugal, yagqejwa uduma elingophiyo xa kusonzakala ixhadi layo, uCristiano Ronaldo.

Abadlali beFrance bankqonkqoze izihlandlo eziliqela, abadlali basemva nonozinti wePortugal bevale mba emva. Baqinisekise ukuba bagada abadlali beFrance abayingozi qha. Ngokuya umdlalo utsala, oko kunike Amaphuthukezi ithuba lokudibanisa umdlalo wawo. Kwixesha elongezelelweyo kuthe gqi incwayi-ncwayi emnyama khaca egama lingu-Eder Lopes, yafaka igowuli ngomzuzu wekhulu nethoba [109].

Lo mdlali, wazalelwa eGuinea-Bissau [Afrika], liqhawe lePortugal emva kokunika ilizwe indebe ekukudala liyilangazelela. Lo mdlali, 28, ofake igowuli elinike iPortugal indebe yokuqala nongene njengelalela, uthi unikwe amazwi enkuthazo nguCristiano Ronaldo phambi kokungena ebaleni. URonaldo uphume ebaleni elila ngenxa yokwenzakala.

“NguCristiano othe kum ndizakufaka igowuli lempumelelo. Lo nto iye yandikhuthaza kakhulu. Ndiwafumene kuye nakoogxa bam amandla,” utshilo * -Eder kwiintatheli. Njengokuba iphumelele iPortugal, abantu abaninzi bayithathe lo nto njengempumelelo kaRonaldo nanjengoko ekhuphisana kakhulu noLionel Messi wase-Argentina ongekafumani ndebe kwilizwe lakhe.

Uyisebenzele ke kambe ngoba umdlali wasemva uCedric Soares uxelele amajelo endaba ukuba ngexesha lokuphumla uCristiano Ronaldo ubakhuthazile waphinda wabaxelela indlela abangayibetha ngayo iFrance. “Uthe mamelani apha, ukuba niyalwa futhi nihlala nimanyene, nizakuphumelela. Ndiyavuya ukuba yinxalenye yeli qela liziintshatsheli,” utsho uSoares.