ULorgat akavumelani noMbalula

ICricket South Africa izakudibana nesebe lezemidlalo nolonwabo ngomso kwiinzame zokuxoxa ngesigqibo seli sebe sokurhoxisa iimfanelo zemidlalo ethile, ngenxa yokungabikho kweenguqu.

Umphathiswa wesebe leZemidlalo, uFikile Mbalula, ubhengengeze ukurhoxiswa kweemfanelo zamaqela esizwe ombhoxo, iqakamba kunye nebhola yomnyazi, kwaye ezi ndaba zayethusa kakhulu ingqonyela yeCSA uHaroon Lorgat.“Sikholelwa kakhulu kwinto yokuba kufuneka sizame iindlela ezithile zokuza neenguqu, isothusile, kwaye khange siyilindele into ebhengezwe ngumphathiswa kwezi veki zimbalwa zidlulileyo. Yinto esizakuyiqonda ngcono xa sele sidibene naye ngoMgqibelo,” utshilo uLorgaat eWanderers ngelixa iCSA ibibhengeza isivumelwano senkxaso esuka kwaStandard Bank.

Kule sizini idlulileyo babini abadlali abamnyama abafike baqaqamba kwiProteas uKagiso Rabada noThemba Bavuma, ingakumbi kwimidlalo yovavanyo.

chris.gilili@inl.co.za