Ulubeke ecaleni uchuku uKermit

UKermit Erasmus odlalela iqela laseFrance ubuyela kwiqela lesizwe okokuqala emva kweminyaka emibini umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

UKermit Erasmus, uliphose ngasemva uchuku obeluphakathi kwakhe noShakes Mashaba, ngoku okubalulekileyo kuye ngumsebenzi wesizwe.

Oku kuthethwe ngulo ka-Erasmus emva kokubizwa ngu-Owen Da Gama – umqeqeshi weBafana Bafana obambeleyo.

Le ndedeba isebenza nzima enkampini yeqela lesizwe eThekwini – apho lilungiselela umdlalo wobuhlobo neGuinea-Bissau ongo’15:00 eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo.

UKermit Erasmus, odlalela iqela laseFrance ngoku, ebengavani noShakes Mashaba emva kokuba wamchwethela ecaleni kwimidlalo yeBafana Bafana.

Lo mdlali, obefudula edlalela i-Orlando Pirates apha eMzantsi Afrika, wagqibela ukudlalela iBafana Bafana ngo’2014 ngethuba uMzantsi Afrika uqubisene neNigeria kumdlalo owaphela ngo’2-2 kulungiselwa i-Afcon ka’2015.

“Eli lithuba elihle kakhulu, ndiyakuvuyela ukubuyela eMzantsi Afrika. Kumnandi nyhani ngoba ndinonyaka wonke ndingasabuyi. Kuluvuyo ukuba yinxalenye yeBafana futhi ndiyathemba izinto zakusihambela kakuhle kule midlalo mibini,” utshilo * -Erasmus.

“Wonke umntu uyasazi isizathu esabangela ndingezi apha – kodwa yonke lo nto ndiyiphose ngemva. Ingqondo yam ikule midlalo izayo ngoku,” utshilo * -Erasmus.

Ngaphezulu koko, le folosi ithi luxanduva lwabo bengabadlali ukuqinisekisa ukuba benza umsebenzi wabo kule midlalo izayo.

UDa Gama uchonge * -Itumeleng Khune njengoKapteni kule midlalo yomini. Uzakuncediswa nguThulani Hlatshwayo, uDean Furman noHlompho Kekana.

Lo mqeqeshi ubambeleyo uchonge inqwaba yabadlali abatsha nabagqibela kudala ukudlalela iBafana Bafana.

Injongo yale midlalo kukulungiselela imidlalo yokuya kwi-Afcon ezayo neFifa World Cup ezakube iseRussia ngo’2018. NgoLwesibini weveki ezayo, amakhwenkwe kaDa Gama azakuvana amandla ne-Angola kumdlalo ozakube useBuffalo City Stadium, eMonti.

Lo ngumdlalo ekulindeleke utsale umdla wabantu nanjengoko kubanjalo xa kudlala iChippa United.

pedro.mapelo@inl.co.za