ULuc Eymael woyikisela ubom bakhe

Luc Eymael, coach of Polokwane City reacts instructs the players during the Absa Premiership 2016/17 match between Highlands Park and Polokwane City at Makhulong Stadium, Johannesburg South Africa on 12 February 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Izinto zijike zamuncu kuLuc Eymael emva kwesigwebo esiwiswe yikomiti yePremier Soccer League (PSL DRC) ekuqaleni kwale veki. Lo ka-Eymael uyalelwe yiPSL ukuba aphindele kwiPolokwane City ngoko nangoko. Oku kulandela isimangalo esafakwa yiPolokwane kwinyanga ephelileyo emva kokuba lo mqeqeshi wagqiba kwelokuba aqhawule isivumelwano sengqesho nayo ekhetha iBloemfontein Celtic njengeqela azakuthi aliqeqeshe. Ngokwenene u-Eymael utyikityiwe yiCeltic kwinyanga ephelileyo emva kokunika abalawuli bePolokwane incwadi yokulahla – kodwa ngenxa yesimangalo esafakwa yiPolokwane akazange akwazi ukuyisebenzela iCeltic kwade kwathethwa ityala.

Emva kokuba iPSL ithe makaphindele apho asuka khona, u-Eymael ukhale ngokuba ubom bakhe bungasesichengeni xa enokubuyela kwiPolokwane City kwaye uzakubhena. “Ndikhathazekile, esi sigqibo asilunganga tu. Siza kufaka amaxwebhu esibheno. Soze ndibuyele kwiPolokwane mna. Usapho lwam lulapha kwaye nam ndilapha eMzantsi Afrika ngenxa yomsebenzi – hayi imfazwe. Siyibonile into eyenziwe yiPolokwane kutshanje. Kutheni kusithiwa mandiye phaya, ndibeke esichengeni ubom bam? Akukho mntu omakabotshelelwe apho angafuni ukusebenza khona. Ubudlelwane phakathi kwam naye baphela,” utshilo u-Eymael kwiphephandaba laseGoli namhlanje.

“Kukho ubuxoki kwesi sigwebo. Ndive izinto ezingalunganga kwesi sigwebo – kodwa ndithembele kuThixo, inyaniso iza kuvela,” uvale ngalo mazwi u-Eymael.