ULudumo Lamati uqala ubomi obutsha emva kokonzakala eYurophu

ULarry Weinstein noLudumo Lamati. Umfanekiso: Facebook

Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni iqale ubomi obutsha emdlalweni wamanqindi emva kokonzakala kwayo eYurophu kwiinyanga ezigqithileyo kulo nyaka. Nangona kubonakala ukuba akasoze aphinde angene eqongeni njengembethimanqindi – kodwa kukho ithemba lokuqhubela phambili nobomi bakhe uLudumo Lamati emva kokuba enikwe isikhundla esiphezulu kwinkampani yabathelekisi ekuthiwa yiBoxing 5 Promotions abephantsi kwayo. Isaziso senziwe kuntshanje nguLarry Weinstein ongumikazi weBoxing 5 Promotions. “Kuluvuyo olukhulu ukwazisa uluntu ukuba uLudumo Lamati ngoku ungumlawuli weBoxing 5 ukusukela ngomhla wokuqala kule nyanga yoMsintsi. Umsebenzi wakhe kukusebenzisana neBoxing 5 Promotions,” utshilo uWeinstein ethetha kwiSA Boxing Talk.

Unikwe umsebenzi onzima – kodwa njengomntu onethuba esemanqindini, kulindeleke awenze umsebenzi ongamvulela eminye iminyango ebomini bakhe ephantsi kwabantu abazimisele ukumxhasa. “Eyona nto ephambili emsebenzini wakhe kukukhangela iimbethimanqindi ezisakhulayo. Azincedise xa zilungiselela ukuya emidlalweni yazo. Ndiyazingca kakhulu kukwenza uLudumo omnye wabalawuli beBoxing 5 Promotions,” utshilo uWeinstein kutshanje. Usivuyele kekambe uLudumo waseMdantsane, eMonti, isiqalo sakhe esitsha emanqindini. “Ndihleli nabantu abalungileyo, sithetha ngamanqindi,” utshilo uLamati emva kokuchongwa kwakhe. “Yah, ndijonge ukwenza umsebenzi wam omtsha kakuhle. Yincwadi entsha le kum. Kufuneka ndiqinisekise ke ukuba ndiyibhala kakuhle. Ndonwabile kakhulu kokwenzeka ebomini bam,” utshilo uLamati.

Obekade engumqeqeshi wakhe, uColin Nathan, uvuyisene naye emva kokunikwa umsebenzi onzima. “ULudume ebesoloko ebonakala ukuba uyinkokeli. Ngethamsanqa, yena noLarry ngabantu abavanayo futhi abasebenzisanayo kakhulu. Kumnandi kakhulu ukusebenza nabo bobabini. Kuhle ukumbona ethatha elinye inyathelo eliya phambili ebomini bakhe emva kokwamehlelayo,” utshilo uNathan. Kucacile ukuba ngeke aphinde akwazi ukulwa uLudumo emva kokuba waye wonzakala esilwa noNick Ball waseNgilane emdlalweni owawubanjelwe eBelfast esemantla we-Ireland. ULudumo wadibana nenqindi likaBall sekuphela ixesha lomlo weWBC silver featherweight. Wahlala iiveki ekwigumbi lezigulane ezikwimeko emandundu (ICU) – kodwa waye waphakama wabuyela eMzantsi Afrika. Emva kokonzakala kwakhe eBelfast, kuye kwacaca ukuba akanokwazi ukuphinda alwe kwakhona emva komlo aphulukene nawo njengembethimanqindi kwinqana eliphezulu.