ULunga Stemela ufuna ukulandela ekhondweni likaTete

Lunga Stemela

Imbethi manqindi yelokishi yaseNtshona Koloni isonwabe nangoku emva kokuphumelela iwonga elibalulekileyo kumsitho weBoxing South Africa obuseBoardwalk Casino, eBhayi, kutshanje.

ULunga Stemela, 27, uthiwe jize ngewonga lembethi manqindi enekamva eliqaqambileyo ebetha uSikho Nqothole no-Ayanda Nkosi.

Ukuphumelela kwakhe uStemela ukubona njengenkuthazo enkulu ebomini bakhe ezakuthi imnike amaphiko okundandela emajukujukwini nekhono lakhe.

Nangona uStemela ewaqale amanqindi kwiminyaka emine edlulileyo – kodwa ukuzimisela kwakhe nokusebenzisana kakuhle nomqeqeshi wakhe kumbeke endaweni entle kakhulu.

Njengezinye iimbethi manqindi ezimnyama, uLunga Stemela, uthubeleze ebunzimeni.

UStemela uya kwimilo yalo nyaka enxanelwe impumelelo ethe chatha. Umqeqeshi wale ndodana yasePhiliphi uthethe kakuhle kakhulu ngayo.

“ULunga uqale ukudlala amanqindi kwiminyaka emine edlulileyo. Ukule ndawo akuyo ngoba uzimisele kule nto ayenzayo kwaye uyamamela xa ndithetha naye. Ndiyakuqinisekisa, ikamva lalo mfana liqaqambile. Kwezi nyanga zimbalwa zizayo kukho umlo esimzamela wona,” utshilo umqeqeshi.

Ethetha neli phephandaba labantu, uStemela uthethe wenjenje: “Ndichulumance kakhulu. Ndiyaqala ukufikelela kwizinga elinje, kangangokuba ndiye ndothuka xa ndisiva ukuba ndingomnye wabantu abanokufumana iwonga. Amanqindi ndiwadlala ngomdla omkhulu, iyandivuyisa into yokuzibona ndiphumelela futhi ndisiya phambili. Ayindityhafisi, izakundenza ndikhuthalele ukuvuka ndiyokubaleka ekuseni.

UStemela ngomnye weembethi manqindi eziqinisekileyo ngento eziyenzayo futhi uzimisele ukwenza konke okufanelekileyo ukuze kube nokuphumelela ezo njongo.

“Ndisoloko ndisenza umzekelo kaZolani Tete. Ngumntu okanye ngomnye wabantu esifunda kuye ukuba xa ungumntu onyamezelayo yintoni oyifumanayo emanqindini. Ndiyarhalela nam ukufikelela kwela zinga akulo eminyakeni. Ukuba uThixo uyavuma, ndikwazi ukugqitha nalapho ukuze ndiye nakwezinye iindawo,” utshilo uStemela.