ULungisile Mbiko unephupha lokudlalela iStormers

Lungisile Mbiko Umfanekiso: Uthunyelwe

Abadlali
bombhoxo abaninzi abamnyama eMpuma Koloni banephupha lokudlala kwinqanaba
eliphezulu. Ichasele okwethamsanqa lo nto ngenxa yokungaqini kwenkqubo
yophuhliso kweli phondo ngenxa yokunqaba kwenkxaso-mali kumaqela akumgangatho
ophezulu – kodwa konke oko akusityhafisi isizukulwana esikhoyo. Ngoku abadlali
bombhoxo abasenamaphupha nabazimisele ukuqinisa umbhoxo kweli phondo
basebenzisa iEastern
Cape
Super 14 njengeqonga
lokulola izakhono zabo zokudlala umbhoxo benethemba lokuba ngenye imini
kwakuthi kufike abachongi abanokubasa kwiindawo ezibhetele. ULungisile Mbiko,
24, ngomnye wabadlali bombhoxo abanethemba lokuguquka kwezinto zibebhetele. “Ngunyaka
wesithathu lo ndidlalela iYoung Leopards yaseDucats, eMonti. Ndaqala ukudlala
umbhoxo ndisemncinane eNdakana, eCumakala. Yaba yinto endiyithandayo emva
kokubukela abadala kunam,” utshilo uMbiko kweli phephandaba.

Emva
kweminyaka emithathu edlala umbhoxo eMpuma Koloni, umfo kaMbiko ubalule izinto
ezintle zodwa azifundisiweyo ngabaqeqeshi bakhe. “Kumnandi ukudlala umbhoxo
ngoba kundisindisa ezintweni ezininzi. Ndisoloko ndixakekiswe yimidlalo. Kukho
umahluko omkhulu emdlalweni wam xa ndiwuthelekisa nangokuya ndandisaqala. Kweli
qela ndikulo ngoku, ndifundiswe indlela echanekileyo yokudlala umbhoxo. Ngoku
ndingumdlali wombhoxo ongcono kakhulu kunakuqala,” utshilo uMbiko. Kwiveki
ephelileyo, iLeopards yakhe ibethe iPark ngo’27-22 – kodwa ngelishwa, ayikwazanga
ukuzibekela indawo kwisigaba esilandelayo. “Kusivuyisile ukuphumelela umdlalo
ngoba ngamadoda lawa ebesiqala ukudlala nawo. Eze kuthi ezokusitya, qha ke
sincedwe kukudlala ngokubambisana nathi ukuze siwabethe. Kodwa ndingatsho
ukuthi sifunde nto nathi kubadlali bePark,” utshilo uMbiko.

Nangona
iBorder Bulldogs iqhwayela emva okweenkukhu – kodwa abadlali bombhoxo
abasakhasayo basayibona njengendawo ebhetele enokubanceda. “Ndirhalela ukubonwa
nangamanye amaqela ombhoxo afana neBorder ukuze ndingahlali ndawonye. Kodwa
elona qela endinqwenela ukulidlalela ebomini bam siStormers ngoba linabadlali
endibathandayo kakhulu kwaye indlela edlala ngayo umbhoxo ihambelana  nale ndlela endidlala ngayo mna,” uvale
ngaloo mazwi uMbiko.

Iziphumo zeSuper 14: Bombers 36-22 Old Selbornians; Leopards
27-22 Park
; Ncerha Leopards 16-9 Black
Eagles
; Breakers 12-57 Harlequins; T/Stars 10-36 Gardens Kruisfontein
38-34 EL Police.