Emsithweni wesebe leZemidlalo obubanjelwe eGqeberha kwiveki ephelileyo, uLusanda Dumke, uzifumanele elona wonga elikhulu. UDumke ufumene imoto entsha kraca (VW Polo Vivo) emva kokuba enikwe iwonga lomdlali oqaqambe kubo bonke eMpuma Koloni kunyaka ophelileyo nakulo nyaka. Eli nenekazi lakuCentane ngumdlali wombhoxo weBorder Women’s Rugby ebiphumelele indebe kunyaka ophelileyo nakulo unyaka. Ngelishwa uDumke ebengekho emsithweni. EbesePotchefstroom – apho ebedlalela khona iSpringbok Women esivuthulule kanobom iSpain ngo’37-14 emdlalweni wovavanyo wesibini.
Emyalezwe oshicilelweyo, uDumke zange akwazi ukuzibamba iinyembezi ngenxa yovuyo. “Khange ndiyilindele into enje. Ndifuna ukubulela umqeqeshi weBorder Women’s Rugby nesebe lezemidlalo,” utshilo uDumke. Nakubeni ephuma kwindawo engenazo iindawo zemidlalo nakwikhaya elingasenabo abazali – kodwa ezo zinto azimthintelanga uDumke ekulindeleke ukuba abe yinxalenye yeqela lesizwe loMzantsi Afrika eliya kwitumente yehlabathi eNew Zealand kwiinyanga ezizayo.
Kwangosuku olunye, urhulumente weMpuma Koloni uwonge abadlali beqela lesiwe lamanenekazi adlala ibhola ekhatywayo, aBanyana Banyana, abaphumelele indebe (Wafcon) kwinyanga ephelileyo. Amagama wabo nguMelinda Kgadiete, uKholosa Biyana, uSibulele Holweni, uBambanani Mbane, uKaylin Swart noRobyn Moodley. Umntu ngamnye unikwe imali elikhulu lamawaka erandi (R100 000). Oku kulandela emva kweSafa enike umdlali ngamnye amakhulu amane amawaka erandi (R400 000) kwiveki ephelileyo. Yimali leyo ephuma kwiR9.2-million iSafa eyayithembise ngayo abadlali phambi kweWafcon.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!