Ulutsha luvule unyaka omtsha ngemidlalo entlobontlobo kwiilali zaseXhorha

Ulutsha lweelali zaseXhorha beludibene eNcihana Sports Ground – apho belukhuphisana ngemidlalo entlobontlobo kwimpelaveki egqithileyo. Phakathi kwamaqela abehombise usuku olukhulu bekukho amaqela amane adlala umyazi emva kokurhoxa kwamanye ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Amaqela womnyazi alwele indebe aquka iFighting Cardinals yaseDabane, iNcihana Mighty Bucs, iTshinirha neHome Defenders yaseNgqakayi. Emva kokuxikixane emidlalweni imini yonke, iNcihana Mighty Bucs igoduke incumile emva kokugqugqisa kwitumente eyaziwa ngegama elithi Thembani Temma Siyo Tournament. Kuye kwacaca ukuba iNcihana ngeke ikwazi ukuvumela amaqela ahambeleyo enze unothanda endaweni yayo.

Oku kucace gca xa iNcihana Might Bucs ibetha iFighting Cardinals ngo’20 – 18 emdlalweni wokugqibela obunzima kakhulu ngenxa yokuzimisela kwamaqela omabini. UNksz. uNomsa Langeni uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba impumelelo ityhila indlela entsha njengokuba iqela lifuna ukuqhuqha italente yamadlali abatsha. “Owh, sizive sichulumancile kakhulu emva kokuphumelela kweqela lethu. Bekukudala sisokola – kodwa kule igem, sizame ngako konke okusemandleni wethu,” utshilo uLangeni obenemincili. “Ukubambisana phakathi kwabadlali nabaqeqeshi kukona kusincedileyo. Maninzi amahlandinyuka esidibene nawo. Abanye bebesithi bayayeka kuba ngenxa yokuxhwithana kwethu.

“Ukuphumelela kuza kusikhuthaza kakhulu kwaye nabanye baza kubona ukuba sizimisele batsho babenomnqweno wokudibana nathi. Sizimisele ukuya kwezinye iitumente kwezinye iindawo nangona sijamelene nengxaki yokumkelwa ngabadlali abafunda uGrade 12 (iMatriki). Abadlali bethu abaninzi baphindela ezikolweni – kodwa bakhona abanye abasebancinane. Sizimisele ukubakhulisa ngokuthi sibanike amathuba okudlala,” utshilo uLangeni ecacisa ngokulindelekileyo emva kokuphakamisa indebe ekhatshwe ziimbasa. Kwibhola ekhatywayo, iHungry Lion ibethe ibethe iPSG FC ngo’2-0 yathatha indebe.