Ulutsha lwasePhumlani luzonwabise ngemidlalo

xxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxx xxxxxxxxx xxxxxxxxxx

Ulutsha lwelali yasePhumlani beluzonwabise ngemidlalo kwitumente ebuququzelelwe nguZahara.

Ulutsha lwale lali belukhuphisana kwimidlalo entlobo-ntlobo equka ibhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi, umbhoxo, amanqindi nonoochelekeshi.

Injongo kaZahara ngokuququzelela le midlalo kukuzama ukuqokelela ulutsha ukuze luphume ezintweni ezimbi.

Amantombazana adlala ibhola yomnyazi akhuphisene kakhulu kwimidlalo yawo kwaye umgangatho wemidlalo ubukwizinga eliphezulu kakhulu.

Bekucaca ukuba kudlala abantu abazimiseleyo futhi abayithandayo ibhola yomnyazi. Ngaphandle kwamathandabuzo italente ikhona ePhumlani, ukuba bekukho iinkqubo zophuhliso ezicacacileyo – kwiitumente ezifana nale, bekunokuveliswa abadlali bangomso. IJuventus ibethe iYoung Stars ngo’10-4.

Kumdlalo webhola ekhatywayo Amagqala wasePhumlani abethe iMadrid kumapenela.

Ulutsha lwasePhumlani luyivuyele into eliyenzelwe nguZahara kwaye beluphume ngobuninzi.

UViwe Sikanisi uthe: “Ndiyakuthanda ukudlala ibhola yomnyazi (Netball) ngoba ngowona mdlalo, thina mantombazana esinawo apha. UZahara ubekele olu suku bucala ukuze sisuke ezintweni ezigwenxa.”

Yena uNomaphelo uthethe wenjenje: “ Ndiyayithanda iNetball kwaye uZahara siyamthanda ngokuba uyakwazi ukusonwabisa xa ekhona. Usoloko efuna sonwabe apha thina silulutsha. Uninzi lwethu apha lwenza izinto ezibhek’ecaleni, ngolu suku ubonisa ukusikhathalela.”

Bonke bayithakazelele into eyenziwe nguZahara endaweni yabo. “Ndizokudlala apha, futhi sizokonwaba apha ngoba siyayithanda imidlalo,” utshilo uZenande Mkhabe.

Yena * -Ayanda uthe: “Sonwabe kakhulu, sayigqibela kudala le nto yenzeka apha. Abantu baphumile ezintweni ezimbi namhlanje. Umdlalo ubumhle kakhulu.”

UZahara uthe uyavuya ngoba izinto zihambe kakuhle, izinto ebezenza eseGoli – kodwa wonelisekile.

pedro.mapelo@inl.co.za