Ulutsha lwaseThanga lulungiselela imidlalo yeJune 16

Njengokuba ilizwe loMzantsi Afrika lizakube liqaphela usuku lolutsha ngoLwesihlanu, ulutsha lwelali yaseThanga, eGcuwa, kulindeleke ukuba lizonwabise ngemidlalo entlobo-ntlobo ngalemini. IThanga izakusingatha itumente ebizwa ngokuba yiFiltane Juni 16 Commomeration, kuyo kulindeleke ukuba kudlalwe ibhola ekhatywayo neyomnyazi. Le midlalo ithiywe ngegama lelingu le-United Democratic Movement, uMncedisi Filtane, okwiPalamente kazwelonke. Umququzeleli wale midlalo, u-Akhona Sonjica, uthi unobangela wokuba bayithiye ngaye, kungokuba ubonakalise umdla wokuxhasa le midlalo.

“Le tumente ixhaswa ngobekekileyo uFiltane, onenjongo zokuphuhlisa ulutsha kwezemidlalo ingakumbi kwezindawo zisezilalini,” utshilo uSonjica.

Ngale mini uthi kuzabakho ixesha lokuba kufundiswe abantu abatsha ngento eyenzeka ngo-1976.

“UMnu uFiltane ucele ukuba le midlalo siyisebenzise ukufundisa ulutsha lwaseThanga ngesehlo sango-1976 ngolu suku lolutsha,” utshilo uSonjica.

Le midlalo kuthiwa ayikhethanga bani, ivulelekile kumaqela waseMnquma onke kunye nawezinye iindawo. Njengokuba le tumente ibifudula isindlekwa minyaka le kodwa isokola abaxhasi , ngoku uMnu uFiltane uzibophelel ukuba uzakuhlala eyixhasa. USonjica uthi elilungu lePalamente lithembisile ukuba lizakuthi gqolo lixhasa le midlalo, njengoko lizalwa kwezi lali zaseThanga.

Amaqela aphumeleleyo kulindeleke ukuba agoduke neezigumba zamabhaso, kwibhola ekhatywayo, elizintshatsheli lizakufumana ikiti, imali eyiR1750 nendebe enkulu ehamba neembasa zegolide. Elibethwe kumdlalo wamanqam, lifumana iR1000 neembasa zesiliva. Eli phumelele kwibhola yomnyazi lizakufumana iR1000, ikiti, iimbasa lize elibethiwe ligoduke neR500 neembasa.

Iqela elinomdla wokuthatha inxaxheba kule midlalo lingatsalela uSonjica kule nombolo: 078 492 4899.