ULuvuyo Memela ngumdlali omtsha weRichards Bay!

Luvuyo Memela

Emva kokuthi cwaka ixesha elide, uLuvuyo Memela ude walifumana ikhaya elitsha. Ebusuku namhlanje, iRichards Bay FC yazise ngokusesikweni ukuba uMemela ngumdlali wayo. Kwiiveki ezigqithileyo, abalandeli bebhola ekhatywayo bothuke boma ngethuba besiva ukuba AmaZulu abeke uMemela kuluhlu lwabadlali abalishumi elinesithandathu abadilizwayo emva kokuphela kwesizini yeDStv Premiership ka-2021/22. UMemela ebengomnye wabadlali abathe bawaphakamisa AmaZulu ngethuba esaqeqeshwa nguBenni McCarthy. Bekukhe kwakho amahumhum athi AmaZulu asijikile isigqibo sawo sokumkhulula kanti akubanga njalo.

Akhona namanye amaqela ebekuthiwa anomdla kuye – kodwa ukhethe iRichards Bay engumtshakazi kwiDStv Premiership eqala ngomso. Inyuselwe kwinqanaba eliphezulu emva kokubamba indawo yokuqala kwiGladAfrica Championship kwisizini egqithileyo (2021/220. UMemela waziswe yiRichards Bay emsithweni eqhile kuwo izikipha zayo ezitsha eza kudlala ngazo emidlalweni yesizini eza kuvulwa ngempelaveki. IRichards Bay iza kudibana neGolden Arrows emdlalweni wobukhaya oza kube usePrincess Magogo Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.