ULuvuyo Memela uzigraye zazingceba iintliziyo zaMakhosi

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates celebrates goal during the 2017/18 Absa Premiership football match between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs at Soccer City, Soweto on 03 March 2018 ©Gavin Barker/BackpagePix

AmaBhakabhaka
aliphumelele idabi laseSoweto namhlanje emva kokuvuthulula Amakhosi ngamagowuli
amathathu kwelinye (3-1) kumdlalo obuvutha bhe eFNB Stadium ngale njikalanga.
ULuvuyo Memela, ongene kwisiqingatha sesibini somdlalo, nguye owenze idemeshe
nokwagraye iintliziyo zabalandeli zazingceba ngokufaka amagowuli amabini
kwisigaba sesibini emva kweempazamo ezenziwe ngabadlali beChiefs kwiindawo
ezimbi kakhulu ebaleni. Nakubeni iiSea-Robbers ziphumelele ngo’3-1 – kodwa ziyeke
amathuba amaninzi kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlalo ubulawulwa liqela likaSteve
Komphela kwisigaba sokuqala – kodwa abadlali bakhe abakwazanga konke konke
ukusebenzisa iimpazamo zayo iPirates ebuye ikelemile kakhulu kwisigaba
sesibini. IPirates inamanqaku angamashumi amathathu anethoba, logama yona iSundowns
ihleli phezulu ngamashumi amane anesine emva kokubetha AmaZulu FC ngo’3-1 izolo
eKing Zwelithini Stadium.

Isiqingatha
sokuqala siphele eyinkwa nenkwa kungekho efuna ukoyiswa. Amakhosi aqale
ahlasela kwakwimizuzu yokuqala emdlalweni. URyan Moon ungqube ibhola ngentloko –
kodwa ngelishwa lakhe ibhola eqabele phezu kwepali. UShitolo noJele banqande
amanzi engena endleni – kodwa benze umsebenzi omhle kakhulu. Izinto zijikwe
ligowuli elifakwe nguThembinkosi Lorch ofumene ibhola ekhatywe nguWillard
Katsande obeba uyayichitha. Kwimizuzu esibhozo emva kokuba iPirates
ingcangcazelise umnatha, uLeonardo Castro ubhakuzelise umnathi ngebhola
ayibethe ngentloko. UBernard Morrison obebotshwe noJustin Shonga benze
umsebenzi oncomekayo ngoba kuye kwanyanzeleka okokuba uCardoso noNgezana
basebenze nzima kakhulu.

Kumzuzu wokuqala
kwisiqingatha sesibini, uLuvuyo Memela, uvalele igowuli lesibini leBucs
emnatheni eshiya u-Itumeleng Khune ethe natya. UMemela ungene kwisiqingatha
sesibini kulo mdlalo. USiyabonga Mpontshane uzibonakalisile ukuba ungunozinto
ophezulu ngethuba evala ibhola yentloko kaCastro ayifumene kuSiphiwe Tshabalala
ekoneni. IChiefs isinde cebeshu emva kokubhutyuza emhlabeni kaKhune othintele
ibhola kaLorch. Iphinde yafumana amathuba amabini okongeza amagowuli – kodwa loo
mathuba ahambe nje. USteve Komphela ukhuphe uMoon, endaweni yakhe ufake
uGustavo Paez. Yona iPirates ikhuphe uLorch, endaweni yakhe ifake uMpho Makola.
UMemela ufake igowuli lesibini kumzuzu wamashumi asixhenkxe anesithathu emva
kokufumana ibhola entle kwicala lasekunxele. UKhune uvale ibhola ebinzima
kaDube kwimizuzu yokugqibela. Impumelelo yeBucs ithetha ukuthi iDowns kufuneka
iqinisekise ukuba ayenzi mpazamo kwimidlalo yayo elandelayo.