ULuyaba uziqhumisele ngothuli iimbaleki kwiBuffalo Marathon ebiseMonti!

UMcoseleli Luyaba yimbaleki yemigama yaseTsomo ephumelele iBuffalo Marathon ngempelaveki egqithileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Imbaleki yaseTsomo, uMnu. uMcoseleli Luyaba, isancume nangoku emva kokuphumelela iBuffalo Marathon ebibanjelwe eMonti kwimpelaveki egqithileyo. Okwenze kwamnandi kakhulu kuLuyaba kukuba ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye ngeCawe egqithileyo. Uye eMonti ofuna ukubaleka ukuze afumane ixesha eliza kumnika itikiti lokuya kwiTwo Oceans Marathon. Wenze lo nto, ngaphezulu wabuya eyintshatsheli emva kokubaleka iiyure ezimbini nemizuzu engamashumi amabini anesihlanu umgama oziikilomitha ezingamashumi amane anesibini. “Ndichwayitile kakhulu,” utshilo uLuyaba ethetha nentatheli yeli phephandaba ekuqaleni kwale veki.

“Bendingayanga kuba bendifuna ukuphumelela, into ebendiyifuna kukubaleka ndifumane ixesha lokuya kwiTwo Oceans Marathon. Ndibethe iintaka ezimbini ngelitye elinye ngoba ixesha eliziiyure ezimbini (2:25:00) ndikwazile ukulifumana ndazibona sendiphumelela nomdyarho lowo,” itshilo imbaleki yaseTsomo. Imbaleki zaseTsomo zitsala nzima kakhulu ngoba konke ezikwenzayo, zikwenza ngaphandle kwenkxaso yoosomashishini norhulumente wasekuhlaleni. Yiyo lo nto impumelelo kaLuyaba ibe yinto enkulu kuye. “Ukusebenza ngokuzimisela kukona kwenza yonke into yenzeke ngale ndlela ufuna ngayo. Yonke imihla ndivuka ndiyokuzilolonga phambi kokuba ndiphangele. Emva kwemini ndiyaphinda kwakhona.

“Le mpumelelo yinto enkulu kum ngoba iyabonisa ukuba nokuba usuka ezilalini na – kodwa uya kwazi ukuyifumana into xa uyifuna. Okubalulekileyo kukuzipha ithuba lokuyenza qha. Ukuzimisela kukona kwenza iziphumo zibe zihle ekugqibeleni. Ukungabikho kwezixhobo ezinokusinceda ezilalini akuthi umntu makangazami,” utshilo uLuyaba. Ngoku uthi ugxeleshe indawo kwiTwo Oceans Marathon ekwinyanga kaTshazimpuzi. “Ukuba ndingafumana indawo kwiTop 20 kwiiyure ezintathu, ndakube ndisebenze kakuhle kwiTwo Oceans,” uvale ngaloo mazwi uLuyaba ophakamise indawo yaseTsomo ngokubaleka qha.