ULuyanda ufuna intshinga yehlabathi

Unephupha lokuba yintshatsheli yehlabethi uLuyanda Ntwanambi. Umfanekiso: Uthunyelwe

Unephupha lokuba yintshatsheli yehlabethi uLuyanda Ntwanambi.

Eli gatyana lothuse umzi emva kokutywatyusha uFikile Mlonyeni emlweni ubutakisa iintlantsi eOrient Theatre kwimpelaveki ephelileyo kwitumente ebiququzelelwe yiRumble Africa Promotions.

Impumelelo kaNtwanambi, 20, iqinisekise ukuba ugoduka nentshinga yeWBO Afrika yodidi lwempukane. UNtwanambi uthi unephupha lokuba yintshatsheli ngeny’imini.

“Sonke siziimbethimanqindi sinephupha lokuba ziintshatsheli zehlabathi. Nam ngenye imini ndinephupha lokuba yintshatsheli yehlabathi,” utshilo uNtwanambi.

Ephefumla ngemphumelelo yakhe emva komlo obuphathi kwakhe noMlonyeni.

UNtwanambi uthe: “Ngowona mlo obunzima endakhe ndawulwa lo. Ndibulela iqela lam labaqeqeshi ngokuqinisekisa ukuba ndize kuwo ndiwulungiselele. Ndibulela nabalandeli abame nam ukusuka ekuqaleni komlo ukuyotsho ekugqibeleni.”

OkaNtwanambi uthi kuninzi ekufuneka ekulungisile emdlalweni wakhe nangona ephumelele. “Ewe, ndiwuphumelele umlo, kodwa kuninzi ekufuneka ndikulungisile. Phakathi emlweni ndiye ndaziyeka izinto ebezindisebenzela. Iye yandichana lo nto kumjikelo wesithandathu.”

Ezinye iziphumo zetumente: UShavkat Rakhimov utshabalalise amathuba ka-Azinga Fuzile okulwela intshinga yehlabathi, emva kokumlalisa ngophotho kumjikelo wesibhozo.

Impumelelo kaRakhimov waseTajikistani, kodwa ozinze eRussia uza kungquzulana nentshatsheli yeIBF yehlabathi, kudidi lweJunior Lighweight, uTevin Farmer, ungaphelanga lo nyaka.

Ibikokuqala ephulukana nomlo uFuzile, ngelixa ephume esaligcinile irekhodi lokungabethwa uRakhimov. Omabini la matyendyana anemilo elishumi elinesihlanu.

URonald Malindi uyikhusele ngempumelelo intshinga yakhe yoMzantsi Africa yodidi lweNtambanani emva kokubetha uMichael Daries ngamanqaku. Yena uAyabonga Sonjica ugoduke exwaye intshinga yoMzantsi Afrika yodidi lweJunior Featherweight emva kokubetha uInnocent Mantengu ngamanqaku.

USiphosethu Mvula umke eyintshatsheli yeIBF Afrika yodidi lweLightweight emva kokutya uMichael Mokoena ngamanqaku.

UKhanyile Bulana naye umke neyakhe intshinga yeIBF Afrika emva kokubetha uPhila Mpontshane ngamanqaku.