ULuyolo Nomandela utyikitywe nguMthatha Bucks

Umqeqeshi woMthatha Bucks, u-Ian Palmer, ngethuba esamkela uLuyolo Nomandela namhlanje. Umfanekiso: Mthatha Bucks

Amatho’amnyama amkele ngokusesikweni
uLuyolo Nomandela njengomdlali wawo namhlanje. Lo mdlali siswini utyikitywa
nguMthatha Bucks emva kokuchitha iiveki ezimbalwa phantsi kweliso lika-Ian
Palmer kweli qela. UNomandela ukhululwe yiCape Town
City
phambi kokusongwa
kwesizini ka-2016/17 ye-Absa Premier Soccer League ngenxa yeengxaki ezoyamene
nekhaya. Ukusukela ngoko zange akwazi ukufumana iqela. Wazama kwiPlatinum Stars
ngethuba kulungiselelwa kwesizini entsha – kodwa izinto zange zimhambele
kakuhle.

Ngoku kulindeleke adlale indima
ephambili kwiBucks njengokuba izama ukunyukela kwinqanaba elingasentla. “Sinethemba
lokuba amava awaqokelele kwiPSL ayakuthi ancede abadlali bethu abatsha.
Ungumdlali onobuchule bokudlala ibhola kakhulu, simnqwenelela okuhle kodwa
kwiinzame zakhe,” utshilo umphathi weBucks, umnumzana uLuxolo Matikinca.

Kwiveki ephelileyo
uMthatha Bucks utyikitye uLucky Mathosi – ifolosi esuka kwi-University of Pretoria.