ULyle Foster ungene waphelela kwiqela likaVincent Kompany!

Umqeqeshi weBurnley FC, uVincent Kompany noLyle Foster waseMzantsi Afrika. Umfanekiso: Facebook

Umqeqeshi weBurnley, uVincent Kompany, uwuncomile umsebenzi owenziwe yifolosi yaseMzantsi Afrika watsho ecacisa isizathu esibangele ayifune unyaka usaqala. Kwinyanga ephelileyo, uLyle Foster, ube ngumdlali weqela laseNgilane ngokusesikweni emva kokuthengwa kwakhe kwiK.V.C. Westerlo ngemali esondele kumakhulu amabini amawaka ezigidi zerandi. UFoster, 22, ufike wenza umahluko obonakalayo emidlalweni emine asele ayidlalileyo kwiqela lakhe elitsha. Kuloo midlalo emine, uqale umdlalo omnye kweminye ungene njengelalela.

UKompany uxelele iBurnley Express TV ukuba uyithanda kakhulu inkqubela eyenziwe ngumdlali wakhe omtsha kuthutyala elifutshane kwaye unyanzelise ukufika kwakhe kwangoko eNgilane kuba efuna aziqhelanise noburhabaxa ebuhamba nendlela ekudlalwa ngayo nendlela iqela elenza ngayo izinto. IBurnley ilwela ukunyukela koompendozihlazihlanjiwe, iEnglish Premier League ekupheleni kwesizini.

Le folosi yaseMzantsi Afrika isezandleni ezihle zikaKompany waseBelgium owaziqaqambisa kwiManchester City awaphakamisa iindebe ezine ze-English Premier League. “Sesi sizathu esibangele aba badlali ndibafune kwangoko apha kwiBurnely. Kufuneka baqhelane nendlela ekudlalwa ngayo apha kwangoko. Italente unayo futhi iyabonakala nento aza kuyenza njengomdlali wethu,” utshilo uKompany emva komdlalo kutshanje.

“Indichulumancise kakhulu indlela adlale ngayo, ngakumbi xa siphantsi koxinizelelo. Xa ephethe ibhola uyamangalisa – kodwa andizikhathazi kakhulu ngokulahla kwakhe iibhola emdlalweni ogqithileyo ngoba lo nto iza kusombululeka ngokufuthelwa ngabanye abadlali enkampini. Siza kumvumela adlale ngendlela yakhe (uFoster).

Into esingazukuyenza kukumnyanzela adlale ngendlela ethathwa sithi. Sifune ukumthatha ngoku ngoba lelona xesha elingcono kunokumthatha xa kuphele isizini,” utshilo uKompany, osabethwe kabini kuphela emidlalweni engamashumi amathathu anesithathu ukusukela oko wathatha iintambo kwiBurnley. Kungenzeka uFoster adlale kwiEnglish Premier League kwisizini ezayo ngoba iBurnley isendaweni entle kakhulu kwiEnglish Football Championship.