Kwiveki ephelileyo kuvalwe isigaba sokuqala senyoba yokuthengwa nokuthengiwa kwabadlali kwiDStv Premiership. Akukho nto ingako eyenzekileyo ngaphandle kokwenziwe ngamaqela amabini ngoba amaqela amaninzi athenge abadlali phambi kokuqala kwesizini. UKermit Erasmus obengekadlali kule sizini uthathwe yi-Orlando pirates. Kanti okuthe kothusa kakhulu kwinkampu yeMamelodi Sundowns kukuhamba kukaLyle Lakay emva kokuthengwa kukaTerrence Mashego kwiCape Town City. ULakay kuthiwe makakhwele ebhasi sowubhatele ubuyele eKapa kungekho ngcaciso ayinikiweyo ngabaphathi beSundowns okanye abaqeqeshi. Konke oku kwenzeke emva kokuba uJohn Comitis ethengisele iSundowns uMashego ebingamdingi emva kokufunwa yiKaizer Chiefs nePirates ekubonakala ngathi ebengafuni ukuzithengiela.
Ekuqaleni kwale veki, uLakay uxelele iSAFM Sport ukuba kwathiwa makaye eKapa kungekho nto ayicaciselweyo ngaphandle kwento engagcwelanga awayixelwa nguRulani Mokwena. ULakay uye kwiCape Town City ngemboleko yonyaka omnye – kodwa isivumelwane sakhe sengqesho siyaphelelwa kunyaka ozayo. “Wonke umntu wothusiwe kukuhamba kwam. Nam kundothusile kakhulu,” utshilo uLakay encokoka kunomathotholo kaSABC. “Ndazigqibela ndiseGoli, kwasa ndixelelwa ukuba mandilungiselele ukuya eKapa. Ayisosigqibo sam, mna ndaxelelwa ukuba mandiye kwiCape Town City. Khange ndinikwe thuba lokukhetha indawo endifuna ukuya kuyo.
“Bendisafuna ukuhlala kwiSundowns ndilwele indawo yam eqeleni. Ngethuba kufika uModiba noNgobeni ndayilwela indawo yam. Mhlawumbi izinto zibe lula kuba ndibuyela kwiqela eyandithatha kulo iSundowns. Sendiyixolele yonke into ngoku. Zange ndithethe nabaqeqeshi. Umqeqeshi endithethe naye nguRulani ongathethanga nto icacileyo,” utshilo uLakay. Abantu abaninzi batyhole iSundowns ngokuthenga umbumbu kuba ingafuni amanye amaqela afumane abadlali abasemgangathweni ophezulu njengayo. Iyikhanyele kodwa lo nto kwiiveki ezidlulileyo ngelithi abadlali baya zifunela ukuya kwiSundowns. Umqeqeshi weCity, uEric Tinkler, ukuvuyele kakhulu ukufika komdlali ofana noLakay kwiqela lakhe eliqale isizini kakubi. “ULakay ngumdlali onamava kakhulu futhi ebeke wayidlalela iCity. Indlela esidlala ngayo uyayazi,” utshilo uTinkler.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa