UMabuyane uthi ibali likaMapimpi likhethekile

UMakazole Mapimpi oncede iqela lesizwe lombhoxo kwitumente yehlabathi

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ubancomile abadlali bombhoxo bephondo lakhe emva kokuqhuba kakuhle kwiNdebe yeHlabathi.

Inkulumbuso ibiyinxalenye yabantu ebebengungelene eTsholomnqa High School ngethuba Amabhokobhoko etywatyusha iNgilane ngo’32-12 emdlalweni wamagqibelakankqoyi weNdebe yeHlabathi.

“Intle into eyenziwe ngabadlali bephondo lethu. Siyazingca ngabo bonke.

Uyibonile itrayi yokuqala isuke eQonce (Lukhanyo Am) yayokubekwa emgceni yiTsholomnqa (Makazole Mapimpi),” utshilo uMabuyane.

OkaMabuyane uthi imidlalo yenza indima enkulu ekudibaniseni abemi boMzantsi Afrika.

“Niyayibona indlela abavuya ngayo nababambene ngayo abemi beli lizwe.

Imidlalo yenza umahluko omkhulu ekumanyeni abantu beli lizwe.

Iyasebenza nasekuphuhliseni ulutsha,” uMabuyane utshilo. Emva koko uMabuyane ubulele umqeqeshi waMabhokobhoko ngokunika abadlali abamnyama ithuba lokudlala. “Siyambulela umqeqeshi wethu, uRassie Erasmus ngokunika abadlali abamnyama ithuba lokudlala.

Siyambulela ngokukholelwa kwinkokheli emnyama enguSiya Kolisi. Siyavuya ke siliphondo ngokuba naye ngowalapha ephondweni. Sibulela kuye nalo lonke iqela ebesebenza nalo,” utshilo uMabuyane.

Umdlali waseTsholomnqa, uMakazole Mapimpi, wenze imbali ngokuba ngumdlali wokuqala weBoks olele emgceni emdlalweni wokugqibela weNdebe yeHlabathi, waphinda waba ngumdlali wokuqala woMzantsi Afrika olele emgceni izihlandlo ezithandathu kwiNdebe yeHlabathi.

Phambi koMapimpi yayinguBryan Habana owenza imbali emva kokuba walala izihlandlo zazihlanu kwiNdebe yeHlabathi yonyaka ka2007.

Iphefumla ngoMapimpi, inkulumbuso ithethe yenjenje: “Ibali likaMapimpi linqabile.

Abaxhaphakanga abadlali abadlala umbhoxo abafikelela kwinqanaba afikelele kulo abe engazange wafunda kwizikolo zabamhlophe.” Kanti yena umakazi kaMakazole, uNofikelephi Mapimpi obeyinxalenye yaba bantu abe beseTsholomnqa High ngala mini, umqhwabele izandla unyana kadade wabo ongasekhoyo.

“Ndiyamvuyela kakhulu uMakazole. Kuyandivuyisa ukumbona esenza into entle kangaka,” utshilo uNofikelephi.