I’solezwe lesiXhosa lincokole nendedeba ethanda kakhulu ibhola ekhatywayo neMamelodi Sundowns. Isibalisele ngendlela eyaqala ngayo ukulandela iDowns.
Pedro Mapelo: Molo Bhuti, unjani?
Umlandeli: Kuhle, unjani wena Bhuti?
PM: Ndiphilile nam. Siyakwamkela kweli phephandaba. Gqaba gqaba ngawe!
Umlandeli: Ndiyabulela kakhulu. Igama lam ndinguLovers Madela. Ngokokuhlala ndilapha kwelaseKapa kwindawo yasePhilippi.
PM: Ooh! Khawutsho, ukuthanda iMamelodi Sundowns uqale nini?
Lovers Madela: Yooh, ndaqala ndisemncinci kakhulu. Inoba ndandineshumi leminyaka ukuqala kwam, ndisakhula phaya eNgqamakhwe. Zange kube nzima kum ngoba ndandingumdlali webhola ekhatywayo. Ndandiyibukela kakhulu iSundowns kumabonakude, ndaphela ndiyithanda. Ngezo mini yayidlala ibhola entle kakhulu. Kangangokuba notitshala wam esikolweni wayethanda ukuthi ndidlala ibhola yeSundowns xa ndisebaleni.
PM: Emva kokugqugqisa kweDowns izwekazi le-Afrika yonke, uziva njani?
LM: Bhuti, ndisavuya nangoku. Emva kokufumana la ndebe, ndathatha zonke izikipa zam zeSundowns ndayokuzifaka la nkwenkwezi yeentshatsheli. La mpumelelo yasipha amandla singabalandeli okuqhubela phambili nokuyixhasa. Ndiyaqinisekisa nangoku ukuba andiphoswa nangomnye umdlalo, nasemsebenzini ndiyaziwa.
PM: Yeyiphi eyona nto ongasose uyilibale ngeqela lakho?
LM: Ndikhumbula iSundowns ibetha elinye iqela ngo’24-0, soze ndiyilibale lo nto ngoba zange yenziwa naleliphi na iqela ngaphandle kwayo. Ewe, ndiyayibona le yeChamps League – kodwa leya ihamba phambili.
PM: Ngubani umdlali omthandayo kwiDowns kuba kutheni?
LM: NguHlompho Kekana. Ngoyena mdlali-siswini otshatsheleyo apha eMzantsi Afrika. Ndikhumbula efaka ibhola awayikhaba ekude kuSenzo Meyiwa.
Ayivule ngendlela encumisayo Amakhosi isizini yeBetway Premiership!