Kugquba umoya omhle enkampini ye’Orlando Pirates emva kwesizini entle. IPirates ivale isizini ifake engxoweni indebe yeMTN8 emva koko yafumana indawo yesibini kwiDStv eza kuyibuyisela kwiCAF Champions League. Ngoku iPirates inethuba lokusonga isizini ngokuphakamisa indebe yeNedbank Cup emdlalweni eza kudibana kuwo neSekhukhune United ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngomso eLoftus Stadium. Omnye wabadlali abaphambili kwiPirates nekulindeleke ukuba enze umahluko obonakalayo emdlalweni ngu-Innocent Maela.
Ekuqaleni kwesizini ka-2022/23, uMaela yatyunjwa ngumqeqeshi wakhe, uJose Riveiro, njengoKapteni omtsha weBucs. Izinto zimhlambele kakuhle kwisizini yakhe yokuqala ngoba ngoku usecicini lokuphakamisa indebe yesibini kwisizini enye. Ethetha neentatheli phambi komdlalo weNedbank omkhulu, uMaela uthe uzingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe liqela lakhe emva kokuzuza indebe yeMTN8 phambi kokuphela kuka-2022.
“Sendinethuba elide ndikwiPirates. Xa ndihleli ekhaya ndicinga okwenzekileyo kwisizini ephelileyo, ndiziva ndinelunda. Okubaluleke ngaphezulu kwayo yonke into liqela. Ndifuna sonwabe ekupheleni komdlalo. Njengenkokeli yeqela, ndifuna ukubona amajita onwabile,” utshilo uMaela. Kufuneka iPirates iqule iligangathe ngoba ibethwe kabini kwisizini ephelileyo yiSekhukhune United. Akusoze kube lula ukuyibetha iSekhukhune ngoba nayo ifuna ukuphakamisa indebe yayo yokuqala phantsi kukaBrandon Truter.
“Ngoba ngumdlalo wamagqibelakankqoyi, kufuneka sizilungiselele umdlalo. Siyayazi ukuba iSekhukhune iza kuhlala emva ebaleni ifune ukusiqubula xa ifumana ithuba. Iingqondo zethu zisemdlalweni kwaye siza kudlalela ukuwuphumelela umdlalo,” utshilo uMaela phambi komdlalo omkhulu. Iqela eliphumelele liza kuphakamisa indebe lifumane imali ezizigidi ezibini zerandi. Amatikiti omdlalo aqabele ngaphaya kwamashumi amahlanu amawaka athengiswe aphela ingekapheli neveki.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo