IGolden Lions zibhengeze ukutyikitywa komdlali wangemva uSylvian Mahuza kweli qela.
UMahuza uza- kwiiLions esuka kwiNWU-Pukke edlala kwiVarsity Cup, ebedlale indima enkulu kwimpumelelo yePukke yetayitile yeVarsity Cup kule sizini.
“Andinamazwi okuvakalisa indlela endive kamnandi ngayo. Ndibulela eli thuba ndilifumeneyo lokudlalela iiLions. Ndizakulisebenzisa kakuhle.
“Ndifuna ukuveza igama leNWU-Pukke kuba ndingene ngayo embhoxweni. Bendingenayo indlela yokuzakhela ikamva embhoxweni, kodwa iPukke ikwazile ukwenza izinto zenzeke ebomini bam. Bandikhulisile, bandinika nezakhono endinazo ngoku,” utshilo uMahuza.
UMahuza uzakube edlala ngasemva kumdlalo weCurrie Cup, ozakube uphakathi kweeLions neBlue Bulls, eAlberton Rugby Club, ngoMgqibelo. IiLions khange ziqale kakuhle kwaphela kwiCurrie Cup yalo nyaka.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung