UMajeke uthi ukulungele ukukhokela iSascoc!

UMnumzana uKaya Majeke uphakathi kwabantu abazigqatsela isikhundla sokongamela iSascoc kulonyulo ekulindeleke lubanjwe kungekudala.UMFANEKISO:BHEKIRADEBE

Mabini amadoda azigqatsele isikhundla sokongamela iSouth African Sports Confederation and Olympic Committee (Sascoc).

Phakathi kwaloo madoda mabini kukho uKaya Majeke othi ukulungele ukungena ezihlangwini zikaGideon Sam obenguMongameli weSascoc iminyaka eliqela.

UJerry Segwaba noAleck Skhosana basalwela ukuqukwa kuluhlu labo bafuna ukongamela iSascoc emva kokukhatywa ngomzuzu wokugqibela yikomiti echophele ulonyulo.

UMajeke, oliSekela-Mongameli kwiBody Building, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba lifikile ixesha lokuba asebenzele isizwe kwaye uzimisele ukubuyisela isidima seSascoc endaweni yaso.

Kwiminyaka edlulileyo phantsi kukaSam kubekho ukuhexa kolawulo nezityholo zorhwaphilizo olwakhokelela kuphando olwabhentsisa amanyundululu enziwa ziinkokeli ezithile kwiSascoc.

UMajeke, owaziwa kakhulu ngokuququzelela imidlalo equka eyoosozoso, intenetya neminye kwilizwe lonke, uthi ukulungele ukukhokela iSascoc ngoba unesakhono, imfundo namava kwezemidlalo anokunceda iSascoc.

“Into yokuqala, iSascoc mayibuyele emsebenzini wayo ukulungiselela iimbaleki okanye abadlali xa kusondela iitumente zehlabathi nokuqinisekisa okokuba yaziwa ngemisebenzi emihle eluntwini.

Ngokwenza njalo, amashishini azimeleyo aza kukwazi ukutyala imali kuyo. Okwangoku, iSascoc yaziwa ngezinto ezimbi zodwa.

Into efunekayo kukuguqulwa kwendlela izinto ezenziwa ngayo ukuze ibuyele kwisimo sayo. Yonke lo nto ngeke yenziwe ngumntu ongayaziyo iSascoc.

Okunye okubalulekileyo kukuqhuba iinkqubo zikaSascoc ngokwemithetho yemibutho efana neCommonwealth. Akukho nzima kwaphela ukukhokela iSascoc xa iinkqubo zayo zihambelana nemibutho yehlabathi elawula imidlalo,” utshilo uMajeke.

Ukubuyisa isidima nokusebenza kakuhle kweSascoc zezinye zezinto eziphambili engqondweni kaMajeke. “Xa kungaguqulwa indlela umbutho osebenza ngayo; ngeke kube nzima ukutsala abatyalizimali.

Into efunekayo kukususwa kwezinto zonke ezingalunganga ethe gabhu kuzo ngoku iSascoc,” utshilo uMajeke.

“Eyona nto ebalulekileyo kukonyulwa kwenkokeli enemfundo nesakhono esinokunceda iSascoc. Awukwazi ukuthatha umntu ofundele umbane uthi makakhokele iqumrhu lezemidlalo. Kufuneka umntu onesakhono esibukhali kwezemidlalo.

Ndingomnye wabantu abakwaziyo ukuvula iingcango kwicala lotyalomali. Ndiyisebenzele iSascoc, indifundisile kwaye ndaziwa kakhulu kwicala lokusebenzisana nabantu nokuququzelela imidlalo efana neyeOlimpiki.

Yonke imisebenzi yeSascoc ndiyayazi; ngeke kube nzima kum ukufumana inkxasomali eza kunceda iimbaleki nabadlali bethu,” utshilo uMajeke.