Umdlali odlala njengefolosi uLehlohonolo Majoro, wemka kwiKaizer Chiefs kwiminyaka emibini edlulileyo enethemba lokufumana ubomi obungcono kwi-Orlando Pirates.
Kodwa izinto khange ziyihambele kakuhle le ndedeba kwaye ngoku kukho iimpawu ezibonisa ukungaphatheki kakuhle yimeko ekuyo.
UMajoro ubhenele kuTwitter izolo apho aphalaze intlungu yakhe yokungafumani ithuba lokudlala ebaleni.
“Ndidiniwe kukuba ngumbukeli mna” utshilo uMajoro. Lo nto iqinise amarhe athi lo mdlali angayishiya iPirates ekupheleni kwale sizini.
UMajor [isiteketiso sakhe uMajoro], onamashumi amabini anesithoba eminyaka akasalifumani kakuhle ithuba lokudlala ebaleni njengakuqala phantsi kuka-Eric Tinkler. Lo nto ibangelwe kukungakwazi ukufaka amagowuli ngendlela exolisayo ubukhulu becala, kodwa nokusetyenziswa kukaTendai Ndoro, oyena mdlali ekuthenjelwe kuye nguTinkler kwicala lokufaka amagowuli.
Omnye umdlali okhe wanikwa ithuba lokudlala kwiPirates ngaphandle kukaMajoro, nguThamsanqa Gabuza.
Kwimidlalo emine edlulileyo, uMajoro, udlale nje imizuzu engaphantsi kweshumi.
Lo mdlali wayefudula edlalela iChiefs, kunokwenzeka akhangele qela limbi ekupheleni kwesizini, apho ayakuthi afumane ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo.
Le nto yokuphalaza imbilini yabo kuTwitter abadlali bebhola ithande ukuxhaphaka. Kunyaka ophelileyo, uKermit Erasmus, esengumdlali wePirates, wasebenzisa eli qonga linye ukuvakalisa ukungaxoli kwakhe kukungaselwaso ngumqeqeshi weBafana Bafana.
Nangona uMajoro engomnye wabadlali abathandwayo ngabalandeli – kodwa kulindeleke ingabinalo ifuthe lo nto kwizigqibo zomqeqeshi kule midlalo ishiyekileyo.
Namhlanje iBucs idlala neChippa United kumdlalo wePSL eNelson Mandela Bay Stadium.
Ngumdlalo efuna kuwo amanqaku amathathu iPirates ukuze ifumane indawo kulawo azakudlala iMTN 8 ekuqaleni kwesizini ezayo.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup