UMakaab ucacisa ngekamva likaJali!

Andile Jali

Umdlali-siswini weBafana Bafana, * -Andile Jali, ufunwa ngapha nangapha.

Kwisithuba seenyanga ezimbalwa ezizayo isivumelwano sengqesho sikaJali neKV Oostende yaseBelgium sizakuphelelwa.

Iqela lakhe linawo umnqweno wokusivuselela isivumelwano sakhe – kanti nalapha eMzantsi Afrika kuthiwa iKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns zinomdlali kulo mdlali.

Umanejala wakhe, uMike Makaab, uxelele Isolezwe ukuba uJali ngeke abuyele eMzantsi Afrika kwangoku.

“UJali uzakuhlala kwiqela lakhe kude kuphele isivumelwano sakhe. Siyaxoxa ne-Oostende okwangoku. Bazimisele ngokumgcina kwela qela – kusekho into engacacanga. UMark Cook ophethe ela qela uyalithengisa. Xa kunjalo ke kubakhona ukuxinga kwezinto ngokutyikitywa kwezivumelwano,” utshilo uMakaab.

UJali waya eYurophu esuka kwi-Orlando Pirates ngo-2014. Nangona kukho ukungacaci kwezinto kwiqela lakhe – kodwa yena uyayifumana imidlalo kwaye likhona nethuba lokuthathwa ngamaqela aseYurophu.