UMakazole Mapimpi ebephethe umhlakulo AmaBhokobhoko engcwaba iRomania

UMakazole Mapimpi ulele emgceni kathathu emdlalweni uMzantsi Afrika obethe kuwo iRomania. Umfanekiso: David Winter/Shutterstock/BackPagePix

AmaBhokobhoko angcwabe iRomania ngo’76-0 emdlalweni wesibini weNdebe yeHlabathi obubanjelwe eBordeaux, eFrance, namhlanje emalanga. Indoda ebiphethe umhlakulo wokungcwaba iRomania ibinguMakazole Mapimpi olele emgceni izihlandlo ezithathu emdlalweni wanamhlanje. UJacques Nienaber ufake iqela labadlali elahlukileyo kweliya elibethe iScotland emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo. Bekulula kuMzantsi Afrika – kodwa akuthethi kuthi awusebenzanga. Noxa izamile ukuxhathisa olohlotyana layo iRomania esedyongo embhoxweni wehlabathi, uMzantsi Afrika ulele emgceni amatyeli aliqela kwimizuzu yokuqala (elishumi elinanye) kwisigaba sokuqala wabe sowufumene nebhonasi.

Nakubeni uMapimpi odlala ephikweni noCobus Reinach belele kathathu bobabini emgceni – kodwa bekukho uDamian Willemse odlale kakuhle kakhulu emdlalweni wanamhlanje. Abadlali beRomania bebezama ukudlala xa ibhola ikuyo futhi bethembisa ngathi kukho into abangayenza. Ingxaki yabo ibikukuphisa ngebhola okuthe kwayibethisa ngeSpringbok esivale isigaba sokuqala somdlalo sihamba phambili ngo’33-0. Isigaba sesibini sibenawo kancinci umdla kunesigaba sokuqala. Mhlawumbi kungokuba iRonamia ibinalo ithemba lokufumana into – kanti wona uMzantsi Afrika ubufuna ukongeza ebhodini ukwa lungiselela umdlalo olandelayo ngempelaveki ezayo.

Banyuse umxakatho abadlali beRomania bewisa kwanto ephinziza phambi kwabo babe nebhola beyisebenzisa bhetelana kunesigaba sokuqala. Baphose amathuba amabini okohlwaya uMzantsi Afrika sebekufutshane emgceni. Amakhwenkwe kaNienaber aye aswabuluka ekuhambeni kwexesha ekhokelwa nguGrant Williams olele emgceni kabini kwisigaba sesibini. UMapimpi ukhumbuze ihlabathi ukuba ungubani ngethuba elala emgceni kabini kwisigaba sesibini esiye sangcono emva kokungena kukaFaf de Klerk. Uphumelele uMzantsi Afrika ngo’76-0 namhlanje – kodwa ubumbi kakhulu ekukhabeleni ezipalini. UWillemse uphose iipali kakhulu kwisigaba sokuqala, into evimbe uMzantsi Afrika ithuba lokufumana ikhulu ebhodini.

Abafake amanqaku:

South Africa 76 — Abalele emgceni: Cobus Reinach (3), Makazole Mapimpi (3), Grant Williams (2), Damian Willemse, Deon Fourie, Willie le Roux. Eziqatyelisiweyo: Willemse (5), Faf de Klerk (2).