UMakazole utyhile kwiphepha elitsha

Iculo laseWesile 221, ivesi yesithathu “Ewe nkosi, mandihlume ndibe ngoxakathileyo,

Ndizamele ndiphuthume konke okulungileyo, Izingabi nakuphikwa yonk’imilo kwanemikhwa. Indlu ibimi ngeenyawo eOrient Theatre, le ibingeyiyo imvuselelo, koko

bekungena uMakazole Tete ephelekwe ligqala lomqeqeshi uVuyani Bungu ozenzele igama kwi-IBF, ekunye noZolani Tete oyintshatsheli kwi-IBF, kaloku bekuphelekwe uMakazole ukuya edabini lwe-IBO kudidi lwe-Welter noRaymond Tabugon.

Ikhalile intsimbi, abelana ngezithonga la madodana, kodwa kwabonakala uMakazole esilela, umsila kaTabugon usiya unyuka, nto leyo ebangele indlu ithi cwaka, kubonakala lo kaTete usengxakini. Kulapho umninawa wakhe uZolani ebonakele ekhwaza imiyalelo namacebiso ngaphaya kweqonga, emcenga umntakwabo.

Kwelinye icala, uBungu ongumqeqeshi kaMakazole, uvakele naye esithi: “Uyababona aba bantu bakweli holo, bonke baze kuwe. Wena ufuna ukubaphoxa, ayizokwenzeka lo nto” Kumjikelo wesihlanu, uMakazole uphume ekoneni engathi udliwa sisibawu. Wagibisela izithonga ezibonakalisa umntu ofuna impumelelo.

Uye wefolokohlo ekoneni lo kaTabugon, wabe emothile uTete, kuthe ungekapheli lo mjikelo, yabona ikona kaTabugon ukuba kwanele, yaphosa itawuli. Lo kaTete uye waziphosa phantsi, uvuyo lukhatshwa zinyembezi emveni kwale mpumelelo, lagcwala iqonga ngabavuyisana naye, phakathi kwabo inguyise okwangumqeqeshi oncedisayo koonyana bakhe. Le mpumelelo ivale imilomo yesininzi ebe sisithi, lo kaTete akanakuphinda abuyele kwiindlela zokuphumelela kwimilo yodidi oluphezulu, kucacile noko intlanganisela yabo noBungu ingazala amaduna namathokazi.