UMakgalwa ungene wanceda iSundowns ixingile emdlalweni weNedbank Cup!

Keletso Makgalwa of Mamelodi Sundowns celebrates goal during the 2020 Nedbank Cup Quarter Finals match between Highlands Park and Mamelodi Sundowns on the 14 March 2020 at Makhulong Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva komdlalo
weNedbank Cup otsale ixesha elingaphaya kwebe limiselwe eMakhulong Stadium, ide
yaphumelela iMamelodi Sundowns ngelingeni emva kwegowuli elifakwe nguKeletso
Makgalwa emizuzwini yokugqibela. Amasandawana adlulela kwisigaba esilandelayo seNedbank
Cup emva kokukhululwa ngumdlali osemncinane exingile emdlalweni abepanwe
iinyawo nezandla kuwo yiHighlands
Park
ebibhokile ebaleni
layo. UPitso Mosimane, ophumze abadlali bakhe abathile kuba elungiselela
umdlalo ongoLwesibini, uqale umdlalo namhlanje ngabadlali abafana noTiyani
Mabunda, uLyle Lakay noJose Ali Meza abangaqhelanga kuqala emidlalweni. Asukelene
zisuka amaqela emdlalweni, omabini ebonisa ukunxanelwa kwawo impumelelo. Amathuba
ebekhona emdlalweni macala – kodwa akukho nalinye iqela elikwazileyo ukubhalisa
ebhodini.

Isiqingatha
sesibini khange sahluke kwesokuqala. Asukelene amaqela – kodwa akakwazanga ukuwasebenzisa
amathuba avelileyo emdlalweni kwade kwaphela amashumi alithoba emizuzu. UMusa Nyatama
noPeter Shalulile bazamile ukuyishukumisa iSundowns emva noxa iinzame zabo
zingakwazanga ukugqobhoza kuDenis Onyango ezipalini. Impazama yeHighlands
Park
ibenye jwi enike
uMakgalwa ithuba lokufaka ibhola entle kushiyeke imizuzu emibini qha emdlalweni.
Komnye umdlalo weNedbank Cup odlalweni namhlanje, iBaroka FC ibethe iBlack
Leopards ngegowuli elinye  lempazamo eqandeni
(1-0) emdlalweni wedabi laseLimpopo emalanga. Kanti izolo, iBidvest Wits
ivuthulule iReal Kings ngemvula yamagowuli amane eqandeni.

  

Highlands: Kapini, Mbhele,
Ramoraka, Fransman, Mzava, Mvala, Mbatha, Motsepe, Shalulile, Nyatama,
Makhaula.

Amalalela: Heugh, Munyai, Letsholonyane,
Mokoena, Rae, Jooste, Nyembe.

Sundowns: Onyango, Ngcongca, Langerman,
Nascimento, Madisha, Kekana, Maboe, Mabunda, Vilakazi, Lakay, Meza.

Amalalela: Mweene, Makgalwa, Coetzee, Lebusa,
Lukhubeni, Ngoma, Arendse.