Baphume behamba kancinci ebaleni abadlali bePolokwane City emva kokuba bekrolonqwe ngenduku yi’Orlando Pirates etshayela kwa nto eshukumayo kwezi ntsuku. Kanye emva kokubetha iJwaneng Galaxy ngegowuli elinye emdlalweni weCAF Champions League ngempelaveki edlulileyo, iPirates ivuthulule iPolokwane ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e’Orlando Stadium emalanga namhlanje.
Le yimpumelelo yesibini yePirates kule sizini kwiBetway. Isiqingatha sokuqala somdlalo besibambene. Macala omabini khange kubekho qela elikwazileyo ukudala amathuba amahle. Obekucace gca kukuba iPolokwane City iye emdlalweni ingafuni tu kufakwe igowuli kuyo. Njengoba umdlalo ubulawulwa yiPirates ixesha elininzi – yona ibihleli emva.
Nakubeni kunjalo, uRelebohile Mofokeng khange ayeke ukuzama encediswa ngabadlali abafana noMonnapuleng Saleng obedlala njengomdlali ohlaselayo emdlalweni wanamhlanje njengesiqhelo. Isigaba sokuqala siphele iyinkwa nenkwa futhi kungacaci ukuba leliphi iqela eliza kuphumelela. Kwisigaba sesibini, iPirates inyuse umxakatho.
Kuye kwacaca ukuba uJose Riveiro ubangxolisile abadlali bakhe. Emzuzwini wamashumi amahlanu anesihlanu, uSaleng ubhakuzelise umnatha ngebhola ayinikelwe nguMofokeng. Unozinti uzamile ukungxabalaza – kodwa idlule ebusweni bakhe yayokungena emnatheni. Khange iphinde iyeke ukuhlasela iPirates ebinxanelwe ukuphumelela. Umqeqeshi ukhuphe uSaleng emva kokufumana igowuli lokuqala emdlalweni.
Endaweni yakhe ufake uEvidence Makgopa ofike wenza idemesha engasoze iyilibale iPolokwane City. UMofokeng unyanzele abadlali beCity ukuba benze impazamo. UNozinti weCity uyeke ibhola yabetheka esifubeni sakhe yabuyela ngaphakathi endaweni yokuyibamba. Idibene noMakgopa elambile wayibeka emnatheni. Khange kube kudala, uMakgopa kwaphela nya ngayo iPolokwane City ephise ngamagowuli.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8