Nangona iqela lesizwe loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo linethuba elide liqhwayela emva – kodwa kwicala loosompempe, ilizwe liqhuba kakuhle kakhulu. Phakathi koomanqanqa boosompempe boMzantsi Afrika abazibalule kwinqanaba eliphezulu kukho amadoda aziwayo ngokuvuthela impempe nokunyanzelisa imithetho yebhola afana uVictor Gomes obephethe imidlalo yetumente yehlabathi ebiseQatar kunyaka ophelileyo, uDaniel Bennett, uJarome Damon, uPetros Mathebela, Andile Ncobo, Ian MCleod, uLwandile Mfiki, uVictor Hlungwane nabanye. Emva kwabo kukho oosompempe ababini, uAkhona Makalima no-Abongile Tom, abazenzela igama emidlalweni yeCAF neFifa.
Iindaba ezimnandi ebholeni yaseMzantsi Afrika zithi uMakalima noTom baphakathi kwamashumi amabini anesihlanu oosompempe abaza kubhatalwa yiConfederation of African Football (CAF) emva kokutyikitya izivumelwano zengqesho kutshanje. Eli lilinge lokuqala phantsi kweCAF elijoliswe ekuqesheni oosompempe ngokupheleleyo ukuze bajongane nebhola kuphela. Oku kwenzeka emva kokuba uMakalima echongwe yiFifa njengomnye woosompempe abangamashumi amathathu anesithathu abaza kuphatha imidlalo yetumente yehlabathi yamanenekazi eza kubanjelwa eNew Zealand kulo nyaka. UMakalima ngusompempe wokuqala olinenekazi ovunywe yiFifa futhi yamsebenzisa kwiitumente zayo ezinkulu.
Kwangaxeshanye, nayo iCAF iyamsebenzisa kakhulu kwelayo icala. kwiminyaka embalwa edlulileyo, uMakalima waxelela eli phephandaba ukuba iphupha lakhe kukuphatha imidlalo yetumente yehlabathi. Lo nto iza kwenzeka kulo nyaka futhi unekamva eliqaqambileyo ngoba umsebenzi wakhe uwenza kakuhle kakhulu ebaleni. Nangona uMakalima waseNgqamakhwe enethuba elide engusompempe – kodwa uTom uze kakubi futhi unekamva eliqaqambileyo naye. Usetyenzisiwe yiCAF emidlalweni yeConfederation Cup neChan Cup – kanti neFifa iza kumsebenzisa kwiFifa Under-20 eza kube ibanjelwe eArgentina kulo nyaka. UMakalima noTom ngoosompempe abaphambili kwiPremier Soccer League ababhatalwa yiSouth African Football Association.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo