UMakhalima uphakamisa igama lephondo lakhe

“Ngenye imini, ndifuna ukuba ngumpetha kasompempe kwiAfrika yonke,” lawo ngamazwi awathethwa nguAkhona Makhalima encokola nentatheli yeli phephandaba kunyaka ophelileyo.

Noxa uMakhalima engekanikwa ithuba lokuvuthela impempe ngeempelaveki zonke emidlalweni yeDStv Premiership, kodwa umonde wakhe nokucokisa umsebenzi wakhe xa enikwe ithuba kumvulela eminye iminyango kwezinye iindawo.

Le ntokazi yaseNgqamakhwe eMpuma Koloni, intingela eMauritania kule veki apho iza kuvuthela impempe emidlalweni yeCAF Under-20 Africa Cup of Nations. Nguye kuphela uMakhalima inenekazi elingusompempe elinikwe ithuba lokuzibonakalisa kwitumente eza kuqala ngomhla weshumi elinesine isongwe ngomhla wesine kwinyanga ezayo. Ngelishwa uMzantsi Afrika awukho kumazwe aza kuthatha inxaxheba. Amazwe aza kumela amazantsi weAfrika (COSAFA): yiMozambique neNamibia emva kokuqhuba kakuhle kwawo kwiCOSAFA ebibanjelwe eBhayi ekupheleni kuka2020.

UMphathiswa wezeMidlalo eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, uvuyisene noMakhalima, watsho emncoma ngokuphakamisa iphondo lakhe. “Siyavuyisana naye uMakhalima emva kokuchongwa kwakhe njengomnye woosompempe beAfcon Under-20. Indlela asebenza ngayo iyasivuyisa kakhulu. Njengomntu osuka eNgqamakhwe, uthe gqolo ngokuliphakamisa igama leMpuma Koloni. Asithandabuzi, uza kuwenza kakuhle umsebenzi wakhe kwaye siyavuyisana naye,” utshilo uNkomonye ethetha neentatheli kutsha nje.

Nangona ukuphatha imidlalo kwiDStv Premiership iyinto enkulu kuMakhalima kodwa kwangaxeshanye, wavuma ukuba akonelisekanga yindawo akuyo ncam. “Ewe, ndiyayivuyela indawo endikuyo, kodwa andikoneli ngoba ndifuna ukuya kwiNdebe yeHlabathi (FIFA World Cup). Ndifuna ukuba ngumpetha kwiAfrika yonke,” watsho uMakhalima kweli phephandaba. Kunyaka ophelileyo, uMakhalima ebephakathi kwamanenekazi angoosompempe anikwe uqeqesho olusemgangathweni ophezulu yiCAF, eDjibouti.