Igqala lomdlali weqakamba, uMakhaya Ntini, likugxeke kabukhali ukungabikho ngokwaneleyo kwabadlali abamnyama kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika. UNtini ukuthethe oku emsithweni weKFC mini-cricket obubanjelwe eGoli kwiphondo laseGauteng ekuqaleni kwale veki. Kwiqela lesizwe, nguTemba Bavuma noKagiso Rabada kuphela abantu abamnyama.
Ngamanye amaxesha kushiyeka uRabada kuphela ngoba uBavuma uthanda ukukhathazwa kukonzakala. Lo nto ayimphathanga kakuhle uNtini futhi akazi ukuba kutheni kunzima ukufumana abadlali abamnyama. Abaququzeleli benkqubo yophuhliso kwiqakamba (KFC Mini-Cricket) bebebhiyozela iminyaka yayo elishumi elinesihlanu ixhswa nguKFC.
Yinkqubo evumbulule abadlali abanetalente – nakubeni kunjalo, akukho badlali abamnyama abade badlalele iqela elisizwe. “Kunzima kum ukwamkela ukuba kutheni kunzima ukufumana abadlali abamnyama abadlala iqakamba. Kutheni bebabini okanye ebamnye umdlali omnyama kwiqela lesizwe? utshilo uNtini ekuqalenu kwale veki.
Kwimidlalo eyayikade ibachwethele ecaleni abantu abamnyama, yiqakamba kuphela ekungekho nguqu kuyo. Ukungabikho kozinzo kwisikhokelo seCricket South Africa kunefuthe kwinto ekhala ngayo uNtini ngoba akude kubekho nto ecacileyo eyenziwayo. Kanti embhoxweni uRassie Erasmus wenze inkqubela eqhwatyelwa izandla ngabantu bonke eMzantsi Afrika.
“Ndayeka ukudlala iqakamba kwiminyaka elishumi elinesine eyadlulayo – kodwa akukaguquki kwanto kwiqela lesizwe. Sibona uKG noBavuma. Kutheni singakhangeli abanye? ubuzile uNtini. Ukusukela ngexesha likaNtini, kulandele abadlali abafana noMonde Zondeki noMfuneko Ngam. Nakubeni bebane bebakhona abanye – kodwa abazinzileyo ngoku nguBavuma noRabada kuphela.
“Jonga kwiT20 World Cup ebiseMelika, ebemnye jwi umdlali omnyama. Akukho mntu onokuxela isizathu. Kutheni iCricket South Africa ingathethi neSA Rugby, ive ukuba uRassie wenze njani embhoxweni. Kudala sazama ukutsho ukuba singancedisa kwiinkqubo zophuhliso – kodwa ke akukho mntu osisebenzisayo,” utshilo uNtini.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika