UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket

UMakhaya Ntini ligqala emdlalweni weqakamba. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Igqala lomdlali weqakamba lithi likulungele ukuncedisa kwiinkqubo zophuhliso – kodwa akakwazi ukwenza nto ngoba akukho mntu othethayo naye. UMakhaya Ntini ukuthethe oku kwindibano ebiseGoli, eGauteng – apho bekubhiyozelwa iminyaka elishumi elinesihlanu yentsebenziswano phakathi kukaKFC neCricket South Africa (CSA).

Eminyakeni edlulileyo, uKFC ebambisene neCSA, bavumbulule italente ebantwaneni bezikolo elizweni lonke. Iphondo leMpuma Koloni lixhamle futhi umahluko ukhona ngoba inani labantwana abadlala iqakamba linyukile kakhulu. UNtini, owayebalasele kwiqakamba ngeentsuku zakhe zobutsha, uyincomisele inkqubo yophuhliso ekuthiwa yiKFC Mini-Cricket.

“Into emnandi ngeKFC Mini-Cricket kukuba inenjongo ecacileyo futhi iyawenza umahluko. Asikwazi ukuyeka abantwana babukele ithivi ezindlini. Sifuna badlale emabaleni. Wenza kanye lo nto uKFC,” utshilo uNtini emsithweni obusekuqaleni kwale veki. Uthe kungakuhle ukuba iqakamba ingabuyiselwa emaphondweni ukuze abantwana badlale ngeempelaveki.

“Sikhule sidlala ngeempelaveki. Sinalo ithemba lenkqubela nakule ndlela benza ngayo. Mabaqhubele phambili nayo ukuze inani lizokwanda. Bekungakuhle kodwa ukuba bebengenza ngalaa ndlela yakudala. Bathathe le nkqubo yophuhliso bayise emaphondweni ukuze iqhutywe ngawo. Kungathethwa ngokungabikho kwemali.

“Yeyona nto endicaphukisayo ngoba kusoloko kubekwa imali phambili. Makubekwe imali emva, kugxilwe emsebenzini lo ufuna ukwenziwa, imali iza kulandela mva. Ukuba uKFC ufuna ukulinyusa inani labantwana abadlala iqakamba, kufuneka iphondo ngalinye libenenkqubo yokudlalisa abantwana ngeempelaveki. Sikhona, singatyenziswa singabadlali bakudala.

“Masingajongwa nje singamagqala womdlalo weqakamba. Asiphakamanga tu; sisuka phaya kweza ndawo zisezantsi. Ekuqaleni kwam ukudlala kwinqanaba eliphezulu, ndandiqokelela izinto zokudlala ndifike ekhaya ndinike abantwana badlale ngoba ndandifuna kubekho ihlumelo,” utshilo uNtini.