Phakathi kwabadlali
abaliqela abafunyenwe yiChippa United phambi kokuqala kwale sizini kukho uMahlatse Makudubela – omnye wabadlali abanokuyithatha
ibhola yelizwe bayibeke kwinqanaba eliphezulu xa enokunikwa ithuba lokudlala. Lo
mdlali ugaleleke kwiiChilli Boys kwiinyanga ezimbalwa ezidlulile ngemboleko
esuka kwi-Orlando Pirates – apho angakwazanga ukufumana ithuba lokudlala
phantsi kwabaqeqeshi abaliqela kwisizini edlulileyo. Nangona engekadlali
kangako – kodwa yena uMakhudubela usendaweni emlungeleyo ngoba indlela adlala
ngayo ihambelana ngqo nomdlalo weChiefs. Kukuye ke ukuba uyalisebenzisa ithuba
alifumanayo kuTeboho Moloi. Phambi kwekhefu lemidlalo yeFIFA, uMakhudubela
unikwe ithuba xeshikweni iChippa iqubisene neGolden Arrows kwaye uzimisele
ukulisebenzisa kwakhona ithuba elivelayo.
“Kube
mnandi kakhulu kum xa ndifumana ithuba lokudlala. Lo izakundinceda ukukhulisa
ukuzithemba kum,” utshilo uMakhudubela kwikhasi lomnatha leChippa.
Le ndedeba
uyakuvuyela kakhulu ukudlalela iChippa United nokudlala phantsi kukaMoloi
ongene endaweni kaDan Malesela kwinyanga edlulileyo. “Kuyandinwabisa ukuba
seBhayi. Zininzi izinto endizifundawo apha phantsi kwalo mqeqeshi. Kwabalula kum
ukuza apha ngoba ndandisazi uMalesela. Yiyo lo nto ndingazange ndilibazise xa
usihlalo uSiviwe Mpengesi noKoutroulis besiza naloo mbono. Mna nomqeqeshi
sifuna into enye: impumelelo. Singayenza lo nto kwaye ndizimisele ukwenza
kweli qela,” utshilo uMakhudubela.
NgeCawe
ngentsimbi yesithathu, iChippa yamkela
Dukashe Stadium. IiChilli Boys zikhangela indlela yokuqokelela amanqaku emva
kwemidlalo emine eziyidlale ntanganye phantsi kukaMoloi. Ukuba abadlali
bakaTebza bazimisele, banalo ithuba lokuyibetha iCity. Amakhwenkwe kaBenni
McCarthy asaphazamisekile ngokwasengqondweni emva kokubethwa kwiMTN 8
nayiBloemfontein Celtic ngoLwesibini kule veki. Imidlalo yeChippa izakudlalelwa
eMdantsane ngoku emva kokupasiswa kweSisa Dukashe nguRonnie Schlos kwiveki
ephelileyo.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!