UMakinana unceda abantwana besikolo eMonti!

UMandla Phakamile Makinana ekunye nenkosikazi yakhe uSive ngethuba begqithisa ngekiti kwisikolo saseDuncan Village iLujiza Public School, nalapho zamkelwe nguKhunjulwa Gaushe kunye noSiphiwe Ngwedu nabantwana besikolo. umfanekiso: Pedro Mapelo

Abantwana besikolo samabanga aphantsi, iLujiza Public School, kwilokishi yaseDuncan Village, abakwazanga ukuzibamba ngenxa yemincili emva kokuthiwa jize ngezipho ngusomashishi owaziwayo umnumzana Mandla Phakamile Makinana obephelekwe yinkosikazi yakhe uSive Phakamile Makinana ekuqaleni kweveki.

Umsitho lo bekuphiswa kuwo ngeempahla zemidlalo ebantwaneni besikolo ubuzinyaswe ngabefundisi, iinkokeli zeBuffalo City Municipality, iinkokeli zombutho olawulayo i-ANC nabantu belokishi yaseDuncan Village.

Lo somashishini, odume ngokunceda abantu abangathath’ntweni kweli phondo leMpuma Koloni, uphise ngebhola, amaphini wokudlala iqakamba, izikipha zebhola yomnyazi, ezeqakamba nezebhola ekhatywayo kulo msitho obubanjelwe eLujiza Public School.

Ukufaka isandla apho kuswelwe [kuhanjwa nzima] khona yinto yakhe uMnu. Makinana – kwaye yonke lo nto uyenza enganyekanga nzuzo. “Ndikhule ndisokola ngoku andifuni ukubona omnye umntu esokola. Injongo yam kukususa abantwana kwiziyobisi,” utshilo okaMakinana ngethuba ethetha nentatheli yeli phephandaba.

Kweli phulo lakhe lokunceda abantwana, utat’uMakinana usebenzisene nesebe le African Bank elisedolophini eMonti.

Eli phephandaba lithethe nootitshala ababini ababandakanyeka kwezemidlalo eLujiza Public School.

“Sichulumance kakhulu, izikipha ebesinazo bezingaphelelanga. Siyakuvuyela ukufumana amaphini ngoba ebesinawo ebemathathu qha. Iqakamba yinto esiyidlalayo apha kwaSoga kwibala eliseZiphunzana. Ezi zikipha zizakwenza umahluko kakhulu ebantwaneni,” utshilo uMonwabisi Peter, umqeqeshi weqakamba.

Utitsalakazi oqeqesha abantwana abadlala ibhola yomnyazi (Netball), uKhunjulwa Gaushe, khange akwazi ukuzibamba luvuyo.

“Siyavuya kakhulu. Ukuze ube umfundisile umntwana kufuneka aqhube kakuhle kwigumbi lokufundela naphaya kwezemidlalo. Ingqondo yomntwana kufuneka ibesemidlalweni. Siqhuba kakuhle nangona singenawo namabala kwesi sikolo,” utshilo uGaushe.

pedro.mapelo@inl.co.za