Umdlali wasephikweni kwiPlatinum Stars, uMahlatse Makudubela, nobesandula kugqibezela ukutyikitya iimpepha zehambo yakhe yokuya kwiGolden Arrows, utsale amehlo eqela elikhulu kwiPSL.
Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, kulindeleke siphelelwe isivumelwano sakhe sokudlala kwiPlatinum Stars ekupheleni kwale sizini.
Kwaye kuvakala ukuba i-Orlando Pirates sele imjonge ngeliso lokhozi. UMakudubela kulindeleke ukuba afumane ukhuphiswano olumandla ngendawo yokudlala kubadlali abafana no-Andile Fikizolo, Kudakwache Mahachi kunye noDeon Hotto kwi-Arrows.
Omele uMakudubela, * -Abbie Rasimphi uthe: “Ewe uzakuya ngemboleko kwi-Arrows, nalapho azakuhlala kude kuphele isizini. Andinako ukuphefumla ngamanye amaqela abonakalise umdla kuye, kodwa i-Arrows yona ibonakalise umdla kakhulu kulo mdlali.”
Kuvakala nokuba, uMakudubela khange avume ukuphinda atyikitye neDikwena kuba enethemba lokuba ingamfunela ngakuyo.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup