UMalajila uyakuvuyela ukudlalela iWits

UCuthberth Malajila uyakuvuyela ukudlalela iBidvest Wits emva kokushiya kwakhe iMamelodi Sundowns ngempelaveki edlulileyo.

Lo mdlali oyifolosi ukuvakalise oku kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, ngeCawe ngenxa yemincili. UMalajila nomdlali siswini uMogakoladi Ngele bathathwe yiWits, yaze yona iMamelodi Sundowns yathatha uSibusiso Vilakazi weWits ekudala imzingela.

“Kuluvuyo kum ukunazisa ukuba ngoku ndingumdlali weBidvest Wits,” utshilo uMalajila kuTwitter. Le folosi ibikade ingumdlali ophambili kwiSundowns kwisizini ka’2014/15 – kodwa kuthe kwisizini edlulileyo, uPitso Mosimane, wabambelela kubadlali abenze umonakalo ongathethekiyo kwisizini ka’2015/16 abaziwa ngokuba yiCBD [Leonardo Castro, Khama Billiat noKeagan Dolly].

UMalajila, 30, ngumdlali okwaziyo ukufaka amagowuli kakhulu xa enikwe ithuba futhi iWits ingazuza kuye – kodwa ngoku wonke umntu unomdla wokubona ukuba uyakuqhuba njani na phantsi kwesandla sikaGavin Hunt, owahlukileyo kakhulu kuPitso Mosimane ngokwenza izinto.

Kwimidlalo engamashumi amahlanu anesine, lo mdlali ufake amashumi amabini amagowuli. Phambi kokuthathwa yiSundowns – wayedlalela iMaritzburg United – apho wazigqamisa khona ngokuvukuza umnatha.

Nangona uNgele engumdlali onobuchule obungumangaliso bokudlala ibhola ekhatywayo – akakwazanga ukufumana ithuba lokudlala kwiqela likaJingles. Kwelinye icala, iWits, ibhengeze unozinti omtsha uDarren Keet osuka kwiqela laseBelgium elibizwa ngokuba yiKV Kortrijk. Lo nozinti weBafana Bafana uzibonakalise kweli qela laseBelgium emva kokushiya iWits kwiminyaka embalwa eyadlulayo.

Ukubuya kwakhe kunokwenzeka kunento yokwenza nokunxanelwa kwakhe ukubuyela kwiqela lesizwe ngokupheleleyo phambi kwemidlalo yokulungiselela indebe yehlabathi eseRussia ngo-2018. Ngoku uzakukhuphisana noMoeneeb Joseph.