UMalangoane ebeliqhawe leChippa, eMonti

Chris Gilili

Ukuzimisela kwisiqingatha sesibini, kuncede iChippa ukuba itywatyushe i-Ajax Cape Town ngamagowuli amathathu kwelinye.

Umdlalo wangeCawa phakathi kweChippa ne-Ajax, ulibaziseke ngemizuzu elishumi elinesihlanu. Oku kubangelwe kukuba bekulindwe abathandi bebhola ekhatywayo bahlale phantsi, eBuffalo City Stadium, eMonti.

Abalandeli bebhola baye balifumana ixabiso lemali yabo, ingakumbi kwisiqingatha sesibini, nalapho iChippa idlale ngendlela emangalisayo.

Kwimizuzu emibini uqalile umdlalo, uPrince Nxumalo, ufake igowuli lokuqala le-Ajax. Ifolosi yeBafana Bafana, uDavid Zulu ufake elokulinganisa leChippa kusandula kuqala isiqingatha sesibini.

Isiquququ, nomdlali oye wabalasela ngeCawa, uJoseph Malangoane ufake igowuli lesibini leChilli Boys. UXola Mlambo ongene kwisiqingatha sesibini, uye waqinisekisa ukuba amanqaku amathathu azakuya kulala eBhayi, ngelixa efaka ingcwenga yegowuli lesithathu leChippa.

Umqeqeshi we-Ajax, uRoger de Sa, ukuvumile ukubethwa kweqela lakhe. Wabe esitsho nokuba iqela lakhe liwenzile umsebenzi: “ Sidlale ngokuzimisela kakhulu, kodwa khange sikwazi ukusebenzisa amathuba ethu,” utshilo uDe Sa.

“Bezikhona nezigqibo ebezikekelele kwiChippa, kodwa leyo yinto elindelekileyo xa udlala kude nekhaya.”

UDan Malesela, nongumqeqeshi weChippa, uthe ukudlalela kweli bala, nelalikade libizwa ngokuba yi-Absa Stadium, kubuyise iinkumbulo zakudala.

“ Ndakhe ndadlala, kweli bala umdlalo wam wokugqibela ndandisadlala kwiMamelodi Sundowns. Ndiyithandile iinkxaso esiyinkwe ngabantu baseMonti, kwaye yeyonanto ivuselele abadlali bethu, balwela impumelelo,” utshilo uMalesela. Umphathi weChippa, uthe: “ Aba badlali benze into engaphezulu kwaleyo besiyilindele, asinakulindela ngaphezulu kunoku. Sinethemba lokuba abantu baseMpuma Koloni, bazakwenza iChippa United, iqela labo lesibini.”