UMalesela akafuni ukuzisikela enqatheni phambi kwesizini

Iqela leChippa United libhiyoza emva kokuphumelela iPremiers Cup

IiChilli Boys zifumene inkuthazo ngexesha elifanelekileyo emva kokubetha iKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo.

Eli qela laseMpuma Koloni libethe iChiefs ngo’1-0 kumdlalo wePremier’s Cup obumhle ngeyona ndlela eSisa Dukahle Stadium.

UKatlego Mashego ufake elinye lamagowuli angasoze alityalwe kwimbali yebhola ekhatywayo kanti naye angasoze alilibale ebomini bakhe.

Emva kokuwiswa nguSibusiso Khumalo ngaphandle komhlaba kanozinti, ibhola ekhatywe yile ndedeba ishiye uBrilliant Khuzwayo omile nko engazi nakuba makathini.

Loo mpumelelo inike iChippa United amandla ewadingayo njengokuba ilungiselela isizini ekulindeleke ukuba ibe nzima.

Umqeqeshi weChippa, uDan Malesela, ufake abadlali abatsha abafana noBrighton Mhlongo, uZitha Mchaka, * -Abel Mabaso, uKurt Lentjies noMoeketsi Sekola ithuba lokudlala kumdlalo okwinqanaba eliphezulu.

Kuthe kanti iliso likaDan libukhali ngoba bonke abadlali abatsha bayifunde ngokukhawuleza indlela iChippa edlala ngayo ibhola. Bayazi ukuba ibhola ibekwa phantsi, kuyamkelwa kusiyiwa phambili ngocoselelo. Kumchulumancisile phantse konke okwenziwe ngabadlali bakhe uMalesela – kodwa uvumile okokuba zikhona iindawana ezisafuna ukulungiswa phambi kwesizini entsha yePSL.

Enye yezinto ezithande ukugqama kukungakhabeli epalini nokudala amathuba ngokwaneleyo okwenziwa ngabadlali beChippa. Leyo yinto ebiyingxaki kweli qela nakwisizini edlulileyo.

“Imidlalo ekumila kunje iyanceda ngoba ikubonisa izinto ekufuneka zilungiswe ndawonye nezo zintle. Ziliqela izinto ezisincukumisileyo – kodwa zikhona izinto ezingandonwabisanga. Kuse kwangoko ukuba ndingathi siyilungele isizini entsha. Kufuneka sidlale eminye imidlalo phambi kokuba sithi kulungile,” utshilo uDan.

Enye yezinto ebingamxolisanga kwisizini egqithileyo yindlela abadlala ngayo abadlali bakhe emva.

Ngoku uthi wonelisekile, kumdlalo ogqithileyo, uDan ebebophe uJames noZitha Macheke bencediswa nguPaseka Mako noDiamond Thopola emaphikweni.

USekola ngomnye wabadlali abatsha kwiChippa abadlale kakuhle futhi abanconyiweyo kakhulu nguMalesela.